Ezemidlalo

USteven Kitshoff ubeke phantsi njengomdlali wombhoxo

Cwayita Nondula|Published

Umdlali wombhoxo uSteven Kitshoff obedlalela iStormers kunye neSpringboks. Umfanekiso: Jean Catuffe / DPPI

Umdlali wombhoxo uSteven Kitshoff obedlalela iStormers kunye neSpringboks. Umfanekiso: Jean Catuffe / DPPI

Umdlali wombhoxo uSteven Kitshoff, 33, ophumelele indebe yehlabathi yombhoxo izihlandlo ezibini neSpringboks ubhengeze ukuba ubeka phantsi emva kokwenzakala entanyeni kunyaka ophelileyo.

UKitshoff obedlalela iqela lombhoxo elizinze eKapa iDHL Stormers uthathe isigqibo sokurhoxa emva kokwenza utyando lwentamo emva kokwenzakala kumdlalo weCurrie Cup edlalela iWestern Province ngasekupheleni konyaka ophelileyo.

Kwingxelo ekhutshwe yiStormers, uKitshoff uthe ukudlala umbhoxo ibibubomi bakhe kwasebutsheni bakhe. “Ndibe nethamsanqa lokuphila iphupha lamakhwenkwe amaninzi asakhulayo ngokumela iSpringboks neDHL Stormers,” utshilo.

Uqhube wathi, “Kuyadanisa kakhulu ukuba umsebenzi wam njengomdlali uphele ngolu hlobo, kodwa umngcipheko kwimpilo yam ubuphezulu kakhulu. Bendifuna ngokwenene ukugqiba isahluko sam neDHL Stormers ebaleni kwaye ndinikele ngako konke kwiinzame zenkqubo yokuzibuyisela kwimeko yangaphambili ukuze ndibuye ndidlale kwakhona, kodwa akuzange kube njalo.”

UKitshoff ubalule umfazi wakhe kunye nabazali bakhe phakathi kwabantu ababemxhasa kule minyaka edlala umbhoxo, kunye nabaqeqeshi bakhe, oogxa bakhe nabalandeli.

“Nangona ndiza kukukhumbula ukudlala kunye nemvakalelo ekhethekileyo yokumela into enkulu kunam, ndijonge phambili kwisahluko esitsha esinika umdla ebomini bam,” utshilo uKitshoff.