Ezemidlalo

McKenzie: Akukho mbethimanqindi eyakuphinda iqhathwe ndikhona

Pedro Mapelo|Published

UGayton McKenzie nguMphathiswa weZemidlalo kuzwelonke eMzantsi Afrika. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

UGayton McKenzie nguMphathiswa weZemidlalo kuzwelonke eMzantsi Afrika. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Ufunge wamunca iintupha uMphathiswa wesebe leZemidlalo ngelithi angeke kubekho imbethimanqindi eqhathwa ngabathelekisi. Oku kuthethwe nguMnu. Gayton McKenzie buqu ngethuba evula ngokusesikweni intlanganiso ebiseMonti kwiveki ephelileyo.

Isebe likaMcKenzie likhwebe intlanganiso ukuze kukhangelwe iindlela ezintsha ezinokuthi zincothule amanqindi axingileyo ngenxa yokungaboni ngasonye kwabaphetheyo okuneminyaka emininzi kusenzeka.

Zonke izithethi ezitshintshiselene ngeqonga zivumile ukuba lifikile ixesha lokuba aphume amanqindi engxakini ukuze ababandakanyekayo bakwazi ukuxhamla njengakweminye imidlalo efana nebhola ekhatywayo nombhoxo.

Njengokuba amanqindi enolawulo oluhesheheshe, ngawo avelise iintshatsheli zehlabathi ezininzi eMzantsi Afrika ngaphezulu kuneminye imidlalo. UMcKenzie uzibophelele ngelithi uza kuwalungisa amanqindi ngokonyula iinkokeli zamaphondo eziza kujonga zonke izinto ngokohlukana kwawo.

"Umdlalo wamanqindi usengxakini. Wonke umntu uthetha ngengxaki esemanqindini - kodwa akukho mntu ofuna ukungena alungise iingxaki. Sibize iimbethimanqindi, abathelekisi, amagqala omdlalo wamanqindi, oosomashishini namajelo eendaba ukuze sikhangele isisombululo.

“Sifuna ukubuyisela amanqindi kundalashe," utshilo uMcKenzie ethetha neentatheli eMonti. UMphathiswa uqale ukulungisa izinto ngokubhengeza ukuba uza kulungisa i'Orient Theatre enembali etyebileyo yamanqindi.

"Oosompempe baza kuthengelwa iimpahla ezintsha zokusebenza. Iimbethimanqindi eziphumeleleyo ziza kubhatalelwa amabhanti eziwaphumeleleyo. Imbi into yokuphumelela ibhanti - kodwa liphinde lithathwe kuba lingabhatelwanga. Iimbethimanqindi ziyaxhatshazwa kweli lizwe futhi nemali ekufanele ziyifumane xa zonzakele iyabiwa.

“Akukho mbethimanqindi eza kunikwa iwaka lerandi phambi kwam. Akukho mbethimanqindi ezakubhatalwa amawaka amahlanu erandi. Andikwazi ukuvumela abantu baxhaphaze iimbethimanqindi ngolu hlobo. Siza nemithetho futhi siza kumthathela amanyetho oyityeshelayo," utshilo uMcKenzie.