UDan Malesela noMolefi Ntseki bagxothiwe yiMarumo Gallants. Umfanekiso: Facebook
Kwangoko kakhulu namhlanje, uMolefi Ntseki noDan Malesela, bakhonjwe emnyango ngabaphathi beMarumo Gallants. Isibhengezo sokuhamba kwabo senziwe liqela namhlanje. UMalesela wafika kwiMarumo Gallants phambi kokuqala kwesizini engena endaweni kaDylan Kerr owagxothwa ngendlela engacacanga naye kunyaka ophelileyo.
Emva kwexesha elifutshanje, kwafika uMolefi Ntseki wenziwa intloko yabaqeqeshi ejongene nazo zonke izinto zeqela. Isiqalo seMarumo Gallants kule sizii eqhubekayo khange sibesihle - kodwa ikwazile ukucholachola amanqaku. Kulo nyaka zinto ziphinde zonakala kwakhona.
Abaphathi abakwazanga ukunyamezela iziphumo ezingaphucukiyo, ngakumbi emva kokuba iMarumo ingonjwe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amathathukwelinye. Ihambe phambini kwangoko iMarumo Gallants - kodwa ayakwazi ukuzinyamezela izithonga zeSundowns.
"UMolefi Ntseki noDan Malesela bakhululwe ngenxa yokungaqhubi kweqela kwiBetway Premiership," itshilo ingxelo ekhutshwe liqela. Abancedisi ababini, uSundra Govender noDuncan Lechesa, baza kuba ngabaqeqeshi ababambeleyo kude kubekwe umqeqeshi oyintloko.
Okwangoku iMarumo Gallants ihleli kwindawo yeshumi elinesine, iphumelele ibathwana lemidlalo emine kwelishumi elinesixhenxe eliyidlalileyo kwiBetway Premiership kule sizini eqhubekayo. NgeCawe iza kudibana nePolokwane City emalanga eDr Molemela Stadium.
Related Topics: