UManqoba Mngqithi esengumqeqeshi weMamelodi Sundowns kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Facebook
Omnye wabaqeqeshi abaziwayo eMzantsi Afrika, uManqoba Mngqithi, uthi uqinisekile ukuba kungekudala, uza kubonakala kwakhona ebholeni ekhatywayo. UManqoba uneenyanga ezimbalwa ehleli ekhayeni lakhe emva kokugxothwa yiMamelodi Sundowns ekuzeni kuphela konyaka ka2024.
Abaphathi beSundowns bamshenxisa esikhundleni emva kokungaqhubi kakuhle kwayo emidlalweni yeCAF Champions League. Kodwa ingxaki yaqala mhla iSundowns yabethwa yiMagesi FC eyathatha indebe yeCarling Knoockout emdlalweni owawuseBloemfontein kunyaka ophelileyo.
Baninzi abantu abayigxekayo indlela yakhe awayefuna idlale ngayo iSundowns. Abaninzi babesithi kungani na angaqhubeli phambili nokwashiywa nguRulani Mokwena owagxothwa kwanyuselwa yena phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo kunyaka ophelileyo. OkaMngqithi akanamsebenzi nako okuthethwa kakubi ngaye ngabantu.
"Akundikhathazi okuthethwa ngabantu endingababonuyo. Abanye andibazi. Ziyandibetha ezinye abazithetha ngam - kodwa ke sakhetha ukuba kweli khondo sikulo," utshilo uMngqithi kwiBack Through Podcast. UMngqithi ucaphule kwintetho yamaciko ethi: izinja zikhonkotha imoto ehambayo.
"Ngethamsanqa lam, umntu ondazi bhetele ngaphezulu kwabantu abaninzi ngusisi Mato Madlala, umnikazi weGolden Arrows. Yena uyazi ukuba andikhathazeki lula. Andizikhathalelanga izinto ezithethwa ngabantu ngam. Mna ndiyawazi amandla wam nezinto endingazenza. Andenzi izinto kuba ndifuna ukwanelisa abantu. Ndingumntu ozithembileyo kakhulu. Ndibambelele kakhulu kwindlela yam yokwenza izinto, akukhathaliseki nokuba ubani uthini. Ndiza kuwufumana umsebenzi kungekudala. Ngeke ndiyeke ukuqeqesha. Umsebenzi endiza kuqhuba kakuhle kuwo ndiza kuwufumana. Ngethamsanqa, zininzi iindebe endizifumeneyo ebomini bam," utshilo uMngqithi.
Related Topics: