UMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, uyalele ukuvuselelwa kwendawo yamanqindi eyaziwayo ekuthiwa yi'Orient Theatre, eMonti, ukuba kuqale ngoMvulo weveki ezayo. Oku kubhengezwe nguMphathiswa ngokwakhe ngethuba ethetha kwingqungquthela yezamanqindi eqhubekayo eMonti.
Isebe lakhe likhwebe bonke ababandakanyeka emanqindini entlanganisweni ekuzanywa kuyo amaqhinga amatsha okuphucula umdlalo wamangqindi onethuba elide ududa ndawonye nangona uvelise iintshatsheli zehlabathi ezininzi. Sekulithuba kukhalwa ngayo (i'Orient Theatre) ngabantu bamanqindi.
Bathi umgangatho wayo uphantsi futhi ifuna nokulungiswa ngaphakathi nophahla olusiphuka amazinke. Ulithathele kuye uxanduva lokuyilungisa uMphathiswa ngoba umasipala waseBuffalo City akakwazanga ukuyenza lo nto. UMcKenzie uthe ngeke abukele okanye ayeke ihlale ikwisimo ekuso i'Orient Theatre ngoba yindawo enembali yamanqindi futhi evelise iintshatsheli ngaphezulu kwazo zonke iindawo eMzantsi Afrika.
"Sifuna ukuyenza ikhaya lamanqindi i'Orient Theatre," utshilo uMcKenzie ethetha neentatheli namhlanje e-International Convention Centre. UMphathiswa, ongene kwinyanga yeKhala kunyka ophelileyo esikhundleni, uthi ngeke izinto ziphinde zifane nangaphambili ngoku kukho yena kwisebe lezemidlalo.
"La ndawo ivelise iintshatsheli ezininzi ngaphezulu kunezinye eMzantsi Afrika. Sifuna iimbethimanqindi ezisakhulayo zifumane ithuba elifanayo kunezangaphambili. Asidlali xa sisithi siza kuwulungisa umdlalo wamanqindi," utshilo uMphathiswa.
Zonke izithethi ezitshintshiselene ngeqonga zivumelene ukuba umdlalo wamanqindi uqhwayela emva futhi lifikile ixesha lokuba kubekwe iiyantlukwano ecaleni kwakhiwe. Iingxaki eziphambili lulawulo oluhesheheshe olubangelwa kukungaboni ngasonye kwabantu abaphetheyo emanqindini. Lo nto yenza kungabikho tyalomali okuvimba iimbethimanqindi amathuba okuzenzela imali yokuphila.
Related Topics: