Abadlali beMagesi FC bevuyela igowuli ebethe ngalo iPolokwane City kule veki ngoLwesibini. Umfanekiso: Mgesi/Facebook
Emva kokusokola ixesha elide, kukhona ithemba elintaluzayo ngoku kwiMagesi FC ngenxa yeziphumo ezihle kutshanje. Iphinde yaqokelela amanqaku amathathu iMagesi ibethe abakhaya bayo, iPolokwane City, ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Old Peter Mokaba Stadium ebusuku ngoLwesibini kule veki.
Igowuli elincede iMagesi edabini laseLimpopo lifakwe nguThabang Sibanyoni kwisigaba sokuqala somdlalo. Ngoku iMagesi iphumelele imidlalo emibini ilandelelana. Phambi kokuquthisa iPolokwane kule veki, iMagesi izibethele iCape Town City esisixhaphaxhapha ngamagowuli amabini eqandeni.
Amanqaku amathandathu afunyenwe yiMagesi ayinika ayinika amandla okuphepha izembe eliyijingelayo njengokuba ithambeka isizini eqhubekayo. Umqeqeshi wayo, u-Owen Da Gama, uzamkele ngovuyo iziphumo ezifunyenwe liqela watsho esithi kufuneka iziphumo elizifumeneyo kufuneka zilikhuthaze phambi kwemidlalo elandelayo.
"Ndicinga ukuba esikuzuze emdlalweni ziziphumo zokusebenza ngokuzimisela nokusebenza kwamaqhinga emdlalweni wanamhlanje. Siye imidlalweni emibini esiyiphumeleleyo sisazi kakuhle okulindelekileyo emdlalweni ngamnye," utshilo umqeqeshi weMagesi eneshumi elinesine lamanqaku ewafumene emidlalweni elishumi elinesixhenxe emidlalweni yeBetway Premiership.
UDa Gama uthe iMagesi ikwazile ukubetha iPolokwane City ngoba ikwazile ukusebenzisa iimpazamo zayo ebaleni. Noxa likhona ithemba lokuvuseleleka kweqela, uDa Gama uthi alikafiki kwindawo ayifunayo. "Sisazama, asikafiki kwindawo esifaneleyo. Zikhona iindawo ezifuna ukulungiswa emdlalweni wethu ngenxa yokungabikho kwabadlali abathile abonzakeleyo.
“Akekho uChirambadare ongumdlali odlala kakuhle kakhulu owanceda iqela kwiCarling Knockout Cup. Zikhona impawu ezithembisayo. Izinto zakuba ngcono xa sisuse umthwalo emagxeni wethu," utshilo uDa Gama emva komdlalo obusePolokwane. IMagesi FC iza kundwendwela AmaZulu emdlalweni ongoMgqibelo emalanga eThekwini.
Related Topics: