USinoxolo Kwayiba ngumdlali ohlaselayo weChippa United. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images
Libuyela eMonti iqela likaThabo September ukuzithemba kufunqukile ebadlalini emva kokuzuza amanqaku amathathu eKapa. Oku kwenzeka emva kokuba iChippa United ibethe iCape Town City ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eCape Town Stadium ebusuku ngoLwesibini wale veki.
Amagowuli afunqule iChippa kwiBetway Premiership afakwe nguSinoxo Kwayiba onconyiweyo nguSeptember emva komdlalo weNedbank Cup obuseGoli ngempelaveki egqithileyo. Nakubeni iChippa United icinezele iqela elingaqhubi kakuhle - kodwa isokole ngoba lilwile.
"Isiqingatha sokuqala besinzima kakhulu ngoba iCape Town City ibihlasela futhi idale namathuba. Sizenzile iimpazamo kodwa ngethamsanqa asibethekanga. Senze impazamo ibhola yabetha epalini. Emva koko uStanley Nwabali uvale ibhola ebikhatywe nguThabo Nodada.
“Sikwazile ukungena emdlalweni satsho sadlala umdlalo ozinzileyo kwisigaba sokuqala," utshilo uSeptember kwiSuperSport TV emva komdlalo echwayitile. Ivelise umdlalo ongcono kwisigaba sesibini futhi inethemba lokuvelisa isiphumo ezihle kwakhona iChippa United xa idibana neSekhukhune United emdlalweni oza kube useBuffalo City Stadium emalanga ngoMgqibelo.
"Kwisigaba sesibini, izinto ziye zabhetele. Siqhube kakuhle emoyeni ngoba siwuqhelele eGqeberha. Sifumene amagowuli zathi xibilili izibilini. Kodwa iCity idlalile kakhulu. Ndiyazingca ngabadlali bethu. Ingxaki esinayo asidlali kakuhle rhoqo. “Yinto efuna ukulungiswa sithi.
“Asikayiphumeleli imidlalo emibini ilandelelana kule isizini. Impumelelo yona iyasikhuthaza emva kokubethwa yiKaizer Chiefs kwiNedbank Cup. Sidlale ixesha elide kude nekhaya. Kuhle ukudlalela ekhaya kwakhona umoya uphezulu," utshilo uSeptember encumile emva kwemidlalo emithathu engaphumeleli.