UShaun Mkhize ebengumnikazi weRoyal Am phambi kokuthinjwa kwayo nguSars. Umfanekiso: Facebook
Ingxaki ejamelene nabaphathi bePremier Soccer League kubonakala ngathi iza kusombululeka kungekudala emva kokuvakala kweendaba ezithi umbuthi weRhafu, uSars, ucinga ukuyithengisa iRoyal Am. Oku kulandela ukuphanza kweenzame zikaShaun Mkhize (Mamkhize) zokuthathela kuye iRoyal Am kwakhona ethinjwe nguSars ngenxa yokungabhatali kwakhe irhafu.
Yinyanga yesibini le imidlalo yeRoyal Am ihlehliswa yiPSL ngenxa yeengxaki zemali ezambethe uMamkhize. Iingxaki zaqala emva kokungabhatali kwakhe uSamir Nurkovic imali eqikelelwa kwiR12-million eyalelwe nguFifa. UNrkovic zange abhatalwe kuqhawulwe isvumelwane sengesho yiRoyal Am.
Kwathi gqi ekaSars sefuna irhafu kwabe kukho ugwayimbo lwabadlali kwelinye icala ababekhala ngokungabhatalwa kwabo imivuzo. Emva kokungakwazi ukubhatala irhafu ekuthiwa yiR40-million, uSars wathimba iimoto neqela likaMamkhize ozenzele igama ngokuqhayisa ngeemali neemoto nonyana wakhe odlalela iRoyal Am.
Kuthiwa uSars udibene nabantu abanomdla wokuthenga iRoyal Am - kodwa ubumzo osezingqondweni zabantu ngothi: ingaba iza kuthengiswa ngamalini na? UMamkhize kuthiwa wabhatala imali eqikelelwa kwiR50-million ukuze afumane iBloemfontein Celtic awayiguqula yayiRoyal Am eminyakeni emine eyadlulayo.
Kungenzeka ithengiswe ngemali engaphantsi kwemali eyathengwa ngayo ngoba uSars into ayifunayo yimali yakhe qha. Angayithenga ngemali encinci oyithengayo - kodwa uza kufika enetyala likaNurkovic. Kusekho ingxaki yabadlali abafuna imivuzo yabo efuna ukusonjululwa.
Ingxaki edalwe nguMamkhize inkulu kakhulu ngoba kuye kwanyanzeleka ukuba iPSL iguzule iRoyal Am edlala kwiMultiChoice Diski Challenge ngenxa yokungoneli kwenani labadlali bayo kunyaka ophelileyo. Ngenxa yokusikwa kwayo nguFifa, ibingavumelekanga ukuba ithenge abadlali. Kulo nyaka, kuye kwanyanzeleka ukuba irhoxiswe imidlalo yeRoyal Am kwaye ngoku imosha inkqubo yePSL yale sizini eqhubekayo.