USinoxolo Kwayiba ngumdlali ohlaselayo kwiChippa United edlala kwiPSL. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images
Umqeqeshi weChippa United uthi amaqela amakhulu ebholeni ekhatywayo yaseMzantsi Afrika angamthatha uSinoxolo Kwayiba ngoba ukulungele ukuwadlalela ngoku. Ezi zizimvo zikaThabo September azivakalise emva kokuba iChippa United ingonjwe yiKaizer Chiefs ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obuseFNB Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Nakubeni iChippa United ibuyele ekhaya ingenalo neli lokubika igowuli - kodwa uKwayiba ngomnye wabadlali abadlale bhetele emdlalweni. Ukusukela oko kuqala isizini eqhubekayo, uKwayiba uqhuba kakuhle kakhulu futhi ngomnye wabadlali ababhetele. Ngaphezulu koko, imisebenzi ayenze ebaleni ibangele abizwe nakwiqela lesizwe nguHugo Broos.
Phantsi kwegama lakhe njengomdlali wasesiswini ohlasela, uKwayiba (25) unamagowuli alithoba ayifumene emidlalweni engaphezulu kancinci kumashumi amathathu kwiChippa United. Okuthethwe ngumqeqeshi akothusi konke konke ngoba ngumdlali ozimiseleyo kakhulu.
"Kungakuhle ukuba angatsala umdla wamaqela amakhulu. Ukuze ubonakale kufuneka adlala kakuhle emidlalweni. Wenze kanye lo nto kulo mdlalo wethu neChiefs. Kufuneka simgcine ekwisimo esihle ukuze aqhubele phambili nokudlala kakuhle.
“Ndinethemba lokuba uza kuthathwa ngamaqela amakhulu," utshilo uSeptember emva komdlalo. UMnu. Siviwe Mpengesi wakubeka kwacaca ukuba iChippa United iyamthengisa umdlali ofunwa ngamanye amaqela ngoba ayinanjongo zokulwela iindebe. Into eyifunayo kukuhlala kwiBetway Premiership kuphela.
"Thina sifuna bakhule abadlali. Ukuba ndingathi ndifuna uSinoxolo ahlale eMpuma Koloni, ingaba ndinomona. Into enkulu engenzeka ebomini bakhe kukuba adlalele amaqela amakhulu neqela lesizwe," utshilo umqeqeshi emva komdlalo.
Emva kokukhiqwa kwiNedbank Cup, iqela laseMpuma Koloni liza kuzama ukulungisa izinto xa lithathana neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership oza kube useBuffalo City Stadium amalanga ngoMgqibelo.