Abadlali beMamelodi Sundowns bevuyela ukufaka igowuli kwiMpheni Home Defenders emdlalweni weNedbank Cup obuseLucas Moripe Stadium. Umfanekiso: Facebook
Idlulele kumjikelo olandelayo nayo iMamelodi Sundowns emva kokuphumelela kwayo namhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iMpheni Home Defenders ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obuseLucas Moripe Stadium.
Iqela lasePitoli lingene lipholile kumjikelo olandelayo lilandela ekhondweni lePirates neChiefs eziphumeleleyo izolo. Amasandawana awugqibe umdlalo ejingxela emva kokukhutshwa kukaTshareeq Matthews ngekhadi elibomvu ekuqaleni kwesigaba sesibini.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla ihamba phambili iSundowns ngamagowuli amabini eqandeni. UMiguel Cardoso wenze iinguqu ezinzi kwiqela labadlali aqhele ukubadlalisa. Nakubeni iqale ngokuxhathisa iMpheni Defenders - kodwa ikhawuleze yabekwa endaweni yayo yiSundowns.
Emzuzwini wesixhenxe kwisigaba sokuqala somdlalo, uMatthews ufake igowuli lokuqala ngesithende. Kwakhona ekuthambekeni kwesigaba sokuqala, uBathusi Aubaas ufake igowuli lesibini atsho ancipha ngakumbi amathuba okuphumelela umdlalo kwiMpheni FC.
Izamile yona ukulwa olohlotyana iMpheni FC - kodwa ibingenawo Amandla okoyisa iSundowns eneziqwayi zabadlali kowayo. Ebekhona amathuba ezamileyo ukuwadala kwisigaba sokuqala kodwa ayakwazi ukuwasebenzisa.
Umqeqeshi weSundowns usebenzise abanye abadlali ngoba iqela lakhe lijongene nemidlalo emininzi kakhulu. Amanye amaqela aya phambili aquka iChiefs, iPirates, iStellenbosch FC, iMarumo Gallants, iDurban City neSuperSport United. Aza kuthelekiswa ngomso ngorhatya eGoli.