UShaun Mkhize noJohn Maduka oqeqesha iRoyal Am. Umfanekiso: Facebook
Kungekudala, kulindeleke ukuba isigqeba esilawula iPremier Soccer League (PSL) sithathe isigqibo ngeRoyal Am eneengxaki eziphazamisa ukuhamba kakuhle kwenkqubo yeBetway Premiership. Inyathelo lePSL lilandela ukuvela kweengxaki zemali ezithe mbende kakubi iRoyal Am engekayidlali imidlalo yayo kulo nyaka.
Sekulithuba iFifa yayalela iRoyal Am ukuba ibhatale uSamir Nurkovic imali eqikelelwa kwishumi lezigidi zerandi (R10-million) emva kokwaphula isivumelwano sakhe sengqesho. Uzihambile iinkundla umnikazi weRoyal Am, uNksz. uShaun Mkhize (Mamkhize), ezama ukuphikisa isigqibo seFifa - kodwa akaphumelela.
Ekupheleni konyaka ka2024, kuvele iindaba ezithi uMamkhize ukweleta uSars imali ekumashumi amane ezigidi zerandi (R40-million). Uthe akungakwazi ukuyibhatala irhafu, uSars umthimbele iimpahla zakhe eziquka amashishini afana neRoyal Am. Kwiveki ephelileyo, uMamkhize ubalekele enkundleni- apho ebezama ukulwa ukuthinjelwa kwakhe izinto zakhe nguSars - kodwa isicelo sakhe sikhatyiwe.
Ngokwengxelo ekhutshwe nguSABC Sport, iinkokeli zePSL ziza kuxoxa ukuqhutywa kwenkqubo yeBetway Premiership ngamaqela alishumi elinesihlanu. Oku kuza kwenzeka ngoba uMamkhize akakwazanga ukuqinisekisa ukuba unayo imali eyaneleyo neqinisekisa ukuba iRoyal Am ayizukuphazamiseka kwakhona.
Kwinyanga ephelileyo, iPSL ibhengeze ukumiswa kwemidlalo yeRoyal Am ngenxa yeengxaki zayo. Yagqibela ukudlala umdlalo wokugqibela mhla yayibethwa yiTS Galaxy ekupheleni kuka2024. Konke oku kwenzeka kukhe kwavela iindaba ezithi abadlali bakhe bagwayimba ngenxa yokungabhatalwa kwemivuzo yabo iinyanga eziliqela.
Yabangathi ilungisiwe lo nto - kodwa yathi vumbu kwakhona. Ngaphandle kwamathandabuzo, kulindeleke ukuba iPSL ithathe isigqibo ngoba ibekwe phantsi kweliso elibukhali ngumxhasi wayo omtsha, uBetway. Kungenzeka ukuba iRoyal Am ithengwe ngabanini beBloemfontein Celtic, mhlawumbi phambi kokuqala kwesizini ezayo.