Ezemidlalo

Babuyele ekhaya bedakumbile abadlali beqela lesizwe lomnyazi

Pedro Mapelo|Published

Iqela loMzantsi Afrika kwitumente yomnyazi eNgilane. Umfanekiso: NSA/Facebook

Iqela loMzantsi Afrika kwitumente yomnyazi eNgilane. Umfanekiso: NSA/Facebook

Bagaleleke eMzantsi Afrika bengonwabanga abadlali beqela lesizwe lomnyazi emva kokoyiswa kwabo emdlalweni wokugqibela. UMzantsi Afrika uguqiswe phantsi ngo'65-55 emdlalweni weNetball Nations Cup obunzima eCopper Box Arena kwisixeko laseLondon, eNgilane.

IProteas igqibe umdlalo ingaphelelanga ngenxa kasompempe onike uRefiloe Nketsa ikhadi elibomvu kuba esithi udlalise kakubi umdlali weNgilane. Ukuphuma kwakhe kuwenze nzima kakhulu umsebenzi woogxa bakhe. Nakubeni kunjalo balwile (abadlali) kwade kwaphela umdlalo enguthethwe enye into ukuba bebephelele abadlali beProteas.

Umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika, uJenny van Dyk, akakholwanga yindlela elohlwaywe ngalo iqela lakhe emdlalweni obalulekileyo weNetball Nations Cup. Akangenanga kakuhle kuye ukukhutshwa kwelinye lamajoni wakhe emdlalweni. Ngaphezulu koko, ukuchaze ukukhutshwa kukaNketsa njengokungamkelwa kwendlela abadlala ngayo umnyazi abadlali base'Afrika.

"Andiqinisekanga nokuba kwenzeke ntoni ukuze akhutshwe umdlali wethu. Siza kwenza uhlalutyo ukuze safumane unobangela - kodwa andizami kufumana isebe lokuzimela," utshilo uVan Dyk ethetha ethevini emva komdlalo. Nakubeni kube njalo, umqeqeshi ubancomile abadlali bakhe.

"Abadlali bethu badlale imizuzu emithandathu bengaphelelanga. Ndicinga ukuba abadlali boMzantsi Afrika balwile. Singene emdlalweni sizixelele ukuba kufuneka sivale umdlalo ngendlela encomekayo. Kusekho imfuneko yokuba siziqhelanise nendlela ekwenziwa ngayo ngoosompempe. Ukuze siphumelele, kucacile ukuba kufuneka sidlale ngendlela abafuna ngayo eYurophu.

“Kodwa emdlalweni zikhona izinto esingakwazanga ukuzenza kakuhle nangona sisazi into ebekufanele siyenze. Okuhle kukuba ngoku siyayazi into ekufanele siyenze ukuze siphumelele kwiitumente ezilandelayo. Siqhube kakuhle futhi ndiyazingca ngomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bam," utshilo uVan Dyk.