IPirates ibethwe yiSundowns emdlalweni weBetway Premiership ngempelaveki egqithileyo ePitoli. Umfanekiso: OP/Facebook
Ibuyele eSoweto umsila uphakathi kwamathanga i'Orlando Pirates. Oku kwenzeke emva kokuba ingcwatye yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni weBetway Premiership otake iintlantsi eLoftus Stadium ngempelaveki egqithileyo. Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe nguLucas Ribeiro (amabini), uGrant Kekana noTeboho Mokoena.
Kanti gowuli ebike ngalo ekhaya iPirates lifakwe nguDeon Hotto kwangoko kwisigaba sesibini somdlalo. Uvumile uJose Riveiro ukuba uphoxekile emva kweziphumo ezikrakra ezifunyenwe liqela lakhe eLoftus Stadium ebigcwele ngendlela encumisayo. Eyona nto ephambili emkhwinisileyo umqeqeshi bubume bebala.
Abadlali abadlalanga kakuhle macala omabini ngoba ibala belimanzi kakhulu nangona bekubalele ePitoli. "Siphoxekile ziziphumo zomdlalo. Imeko esidlale phantsi kwayo ibimbi kakhulu namhlanje," utshilo uRiveiro osole ibala njengoyona nto ebangele ukubethwa kweqela lakhe.
"Ifake amagowuli amane iSundowns. Amabini avele kwizinto ebekufanele ukuba sizamile ukuzithintela. Kodwa eyona nto ebangele sityiwe emdlalweni wanamhlanje libala elibi. URibeiro wenze umsebenzi oncomekayo. Sizamile ukutshintsha izinto kwisigaba sesibini somdlalo futhi siye sancoma ngoba sikwazile ukufumana igowuli.
“Umdlalo udlalelwe ecaleni lethu. Emva kokuba iSundowns ifumene igowuli lesithathu, kuye kwacaca ukuba akukho nto esinokuyenza. Bekunzima kuthi ukudlala ebaleni elinjeya," utshili umqeqeshi weBucs. Amanqaku amathathu abethelele indawo yeSundowns phezulu kwiBetway Premiership. Ivule umsantsa wamanqaku alithoba onke phakathi kwayo nePirates ehleli kwindawo yesibini.
Ukuphumelela kweSundowns kuza kwenza kube nzima ukufunyanwa kwayo ngamanye amaqela. Ithemba lePirates lokuthatha indebe yeBetway Premiership liya licutheka ngokuhamba kwemidlalo. Iyiqale bhetele isizini eqhubekayo futhi inethemba lokulwa ngamandla - kodwa ibekwe endaweni yayo yiSundowns kwamoshakala izinto.