Abaphathi beBerlin November Horse Racing bexhage uSandile Xoza kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Facebook
Akekho umntu othanda ulonwabo ofuna ukuphoswa sisiqendu salo nyaka seBerlin November. Sinomahluko ngoba kudibana oompondozihlanjiwe emdyarhweni wamahlashe okhatshwa ngumculo weemvumi ezaziwayo. I'solezwe lesiXhosa lirhatyuliswe ngumphathi, uLopez Magongo, phambi koMgqibela ekuza kudityanwa ngawo eNtabozuko ukusuka ekuseni ukuya ebusuku. "Agqityiwe amalungiselelo. Ngamahashe akumashumi alithoba aza kuthatha inxaxheba. Sifumene inani elikhulu kakhulu kulo nyaka," utshilo uMagongo.
Nakubeni umdyarho wamahashe uhleli unomtsalane ebantwini - kodwa uza kuthi chatha kulo nyaka ngoba kufakwe ukhuphiswano loosaziwayo abaphambili eMpuma Koloni. "Njengesiqhelo, abantu baza kufumana umdyarho wamahashe osezingeni eliphezulu kakhulu. Kulo nyaka sinomdyarho omtsha ekuza kube kukhuphisana oosaziwayo kuwo. Ukukhuphisana koosaziwayo abasibhozo sicinga ukuba yinto eza kuba nomtsalane kakhulu ebantwini. Ziza kudityaniswa needyokhi zamahashe asibhozo kufiwe," utshilo uMagongo.
Oosaziwayo abaqukiweyo nguLive, uMrs Zaula, uLindo, uMafa, uNtwanomgquba, uNhunhuza, uZiyanda noBethusile.Yinqwaba yeenkabi zamahashe ezohlukeneyo ngokweendidi zawo eziphuma kwiindawo ngeendawo elizweni lonke. "Abantu sebebonakalise umdla omkhulu emdyarhweni wethu kulo nyaka. Sifuna ukuthi kubo mabeze ngobuninzi. Silindele amahashe asuka eKurumani, eGoli, eQwaqwa, phesheya kweNciba naseQonce," utshilo uMagongo ongumququzeleli ophambili.
USandile Xoza, ongumpetha ekuphaliseni amahashe, uza ukukhusela intshinga yakhe ayiphumelele amatyeli amabini elandelelana. Ihashe elanika uXoza udumo lathatha umhlalaphantsi - kodwa kuthiwa unamanye aphala kakuhle kakhulu. "Idyokhi enembali etyebileyo kwiBerlin November Horse Racing, uSandile Xoza, iza kube ikhona. Kulindeleke ukuba iphalise amahashe amabini ekuthiwa nguThula-molokazana noBig Show ekuthiwa. Aza kube ekhona namanye amashe asuka kooChizela, eDutywa," utshilo uMagongo.