Ezemidlalo

Bekumnandi kakhulu ukubukela idabi laseSoweto, utshilo iGianni Infantino

Pedro Mapelo|Published

UJessica Motaung, uMongameli weFIFA uGianni Infantino, uMongameli weCAF uPatrice Motsepe noMongameli noMxhasi weChiefs, uBantu Holomisa emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

UJessica Motaung, uMongameli weFIFA uGianni Infantino, uMongameli weCAF uPatrice Motsepe noMongameli noMxhasi weChiefs, uBantu Holomisa emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

UMongameli weFifa, uGianni Infantino, uwunikele umva uMzantsi Afrika engawuvali umlomo ngenxa yemincili emva kokubukela idaba lamaqela aseSoweto okokuqala ngempelaveki egqithileyo. Phambi kokuqala komdlalo eFNB Stadium ebithe mome ngabalandeli bebhola abaqabele ngaphaya kwamashumi asibhozo amawaka, uMongameli weFifa ungene exhagwe nguGqirha Patrice Motsepe, uJessica Motaung noMphathiswa weZemidlalo, uMnu. Zizi Kodwa.

Uye wabukela okokuqala umdlalo omkhulu obuphakathi kweKaizer Chiefs ne’Orlando Pirates njenjikalanga yangoMgqibelo odlulileyo. Ihambe namanqaku amathathu iPirates ephumelele ngegowuli elinye elifakwe nguEvidence Makgopa emdlalweni weDStv Premiership asukeleneyo kuwo amaqela omabini.

Nangona umdlalo weChiefs nePirates ubukelwa kwiindawo ezininzi – kodwa ngethamsanqa kulo nyaka, idabi laseSoweto belibukelwe ngoyena mntu obaluleke kakhulu ebholeni ekhatywayo kwihlabathi lonke. “Bekumnandi kakhulu ukubukela idabi laseSoweto,” utshilo uGianni, owangena endaweni kaSepp Blatter owayethandwa eMzantsi Afrika.

“Bendiqaka ukuza kweli bala, abalandeli benze kwamnandi kakhulu. Bekudibene amaqela amabini akulweleyo ukuphumelela. Iphumelele iPirates – kodwa ndicinga ukuba yiChiefs elwileyo kakhulu. Umdlalo ubumhle kakhulu nabalandeli begcwele ebaleni,” utshilo uMongameli weFifa.

Ngosuku olulandelayo, uye wabukela umdlalo weAfrican Football League wokugqibela obuphakathi kweMamelodi Sundowns neWydad Athletics Club obubanjelwe eLoftus Stadium ebigcweliswe ngabalandeli abaqabele ngaphaya kwamashumi amahlanu amawaka. Kuphumelele iSundowns ngamagowuli amabini eqandeni.

Ngalo ndlela yatsho yaziintshatsheli zokuqala zeAfrican Football League ekhatshwe yimali ezizigidi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu zerandi (R75,6-million). Iingxelo zithi itumente esongwe eMzantsi Afrika ngumntana kaGianni Infantino owavela eyiSuper League – kodwa owakhatywayo kwaphela eYurophu.

Asibhozo amaqela adlale itumente yeCAF entsha phantsi kukaMotsepe ebesibhozo. Kungenzeka ukuba andiswe aqabele ngaphaya kwamashumi amabini kunyaka ozayo emva kwesiqendu sokuqala esinconyiweyo kakhulu.