USiya Kolisi ngumdlali weSpringbok. Umfanekiso; ©Samuel Shivambu/BackpagePix
Ngenxa yokuxakeka kweqela lesizwe lombhoxo, abaqeqeshi bagqibe kwelokuba iqela balohlule kabini. AmaBhokobhoko aza kudibana ne’Australia emdlalweni weRugby Championship ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo, ePitoli, akhokelwa nguDuane Vermeulen. Eli lishiyeke ekhaya liqela ekuxutywe kulo abadlali abanamava nabatsha abasazama ukufumana iindawo. Kanti elinye iqela elikhokelwa nguSiya Kolisi liza kuntingela eNew Zealand ukuze likwazi ukuziqhelanisa nesimo sezulu phambi komdlalo obalulekileyo ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga yeKhala. Abaqeqeshi balohlule kabini iqela ngoba njengokuba kukho imidlalo yeRugby Championship, kukho netumente yehlabathi esondelayo ekufuneka uMzantsi Afrika ukhusele indebe owayiphumelela ngonyaka ka-2019 kwilizwe laseJapan.
Emva komdlalo ongempelaveki ePitoli, umqeqeshi uJacques Nienaber, uFelix Jones noRassie Erasmus baza kujongisa imibombo kwelaseNew Zealand - apho bazimisele ukuvavanya khona iqela labo labadlali abaya kwitumente yehlabathi. ‘Injongo yethu yayikukufumana iqela elinokusinceda sibethe iAustralia, kwangaxeshanye sikwazi ukufumana iziphumo ezihle xa sidibana neNew Zealand,’ uthilo umqeqeshi waMabhokobhoko ekuqaleni kwale veki. Iintshatsheli zehlabathi zizame ukubhida umtyholi ngoba amanye amazwe azakhele umkhanyo phambi kwetumente eFrance. ‘Umdlalo wethu wokugqibela kwiRugby Championship uza kube useGoli. Emva koko siza kuthi sikwazi ukuchonga iqela esiya nalo kwitumente yehlabathi.
‘Iqela esilichongele imidlalo esijongene nayo kule nyanga lenziwe ngabadlali abaphumelela indebe yehlabathi nabanye abatsha abasakhulayo. Siyazi ukuba bonke bakulungele ukwenza umsebenzi omkhulu ophambi kwethu,’ utshilo uNienaber phambi komdlalo obalulekileyo ePitoli. Njengokuba kujongwe kwitumente yehlabathi, amehlo wabalandeli bombhoxo akuSiya Kolisi obekhe wonzakala. Ngokwengxelo ayikhuphileyo kutshanje, uKapteni weSpringbok uthe uphilile kwaye angabonakala emdlalweni okanye emidlalweni yeRugby Championship eqala kule veki. Ukuba ukwazile ukudlala ngaphandle kwengxaki uKolisi, ziyakuthi xibilili izibilini ebantwini abaninzi abafuna ukumbona ekhokela uMzantsi Afrika kwakhona kwitumente yehlabathi.