Ilizwe laseZimbabwe liwususile uthintelo lombona osuka kwamanye amazwe.
Image: Siphiwe Sibeko / Independent Newspapers.
IZimbabwe iye yasirhoxisa isithintelo sexeshana sokungeniswa kombona ovela eMzantsi Afrika. IZimbabwe ngoku iyakuvumela ukuthengwa kombona ovela kumazwe angaphandle emva kokuba ibhengeze ukuthintelwa kombona osuka kumazwe angaphandle kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo.
IZimbabwe yakuthintela ukungeniswa kombona kweyeThupha, emva kokuqikelela isivuno seetoni ezingaphaya kwezigidi ezibini (2.3 tonnes) eziya kwanela ukuhlangabezana neemfuno zelizwe.
ISebe lezoLimo eZimbabwe linika izizathu zokuthintela umbona wamanye amazwe kwingxelo yangaphambili, lathi lijolise ukukhusela amafama ela lizwe kunye nokuthenga kusetyenziswa iimveliso zasekhaya.
UMphathiswa wezoLimo kweli loMzantsi Afrika, uJohn Steenhuisen, uyasamkela isigqibo esisesikweni esenziwe ngabasemagunyeni eZimbabwe sokuphelisa ukuthintelwa kokungeniswa kombona nezinye iinkozo.
UMphathiswa uliqhwabele izandla eli nyathelo njengokubuyela kwimithetho-siseko elungileyo yezoqoqosho eyimfuneko kwimpumelelo nozinzo lommandla oseMazantsi eAfrika. Ukuthengisa kumazwe angaphandle kuzinzisa amaxabiso asekhaya kwaye imarike yaseZimbabwe idlala indima ebalulekileyo kumbona omhlophe kunye notyheli, utshilo lo Mphathiswa.
"Olu luhlaziyo olwamkelekileyo olugxininisa uxanduva esinalo ngokuhlangeneyo ekuqinisekiseni ukonela kokutya.
"Icandelo lezolimo liphila ngokuqikelela kunye nokusebenza kakuhle, kunye nemilinganiselo yorhwebo ethintelweyo, ngelixa ngamanye amaxesha ijolise ekukhuseleni abavelisi basekhaya, kaninzi ikhokelela ekugqwethekeni kweemarike eziye zenzakalisa umthengi ekugqibeleni," utshilo uSteenhuisen.
Wongeze ngelithi ukususwa ngokusesikweni kwesithintelo kubalulekile kukhuseleko lokutya kunye nentlalontle yabathengi kulo mmandla wonke [weSADC].