Entsimini

Ikhulile ingeniso yezolimo kwiGDP yeli

Siyabulela Mqikela|Published

EzoLimo zinyuse iGDP yoMzantsi Afrika.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Impumelelo yeshishini ngalinye elizweni iqatshelwa ngegalelo layo kwingxowa mali yesizwe (GDP) ngokubanzi. 

Ingxelo yekota yokuqala yonyaka ka2025 ibonisa ukuba likhulile igalelo lezolimo kweli kwingxowa mali yengeniso yelizwe.

Yimali ekwiibhiliyoni ezintathu zedola yaseMelika engeniswe ziimveliso zolimo zeli kwisiqingatha sokuqala sonyaka ka2025, kwaye uMphathiswa wezolimo kweli uJohn Steenhuisen ubengowokuqala ukuvakalisa uchulumanco ngezi ndaba.

"Lo ngufunqu wento ekwishumi leepesenti ekhulwini xa ithelekiswa neminyaka engaphambili, oko kuthetha ukuba kusetyenzwe nzima kakhulu ngamafama kwakunye namagosa karhulumente," uqhayise watsho uSteenhuisen. 

Oku kukhula kubangelwe kukuthengwa kweemveliso zeli eziquka umbona, idriwa, iwayini kwakunye neapile, ukutshintsha kwamaxabiso okuthenga kwihlabathi nako kubenegalelo elimandla, itsho ingxelo.

"Siyavumelana sonke ukuba ezolimo zidlala indima enkulu ukuqinisa nokukhulisa uqoqosho kwilizwe loMzantsi Afrika, maninzi amazwe aphila ngeemveliso ezisuka kwilizwe loMzantsi Afrika," utshilo uSteenhuisen. 

Lo Mphathiswa ebeyinxalenye yegqiza likaMongameli uCyril Ramaphosa ebeliye kucenga iMelika ukuba iqhubeke nobudlelwane bayo noMzantsi Afrika.

"Ingxelo yeStatistics South Africa nayo isingqinele ekuqaleni konyaka ukuba liyakhula igalelo lezolimo kuqoqosho eMzantsi Afrika," utshilo uSteenhuisen.

Oku kwenzeka nangona kukho iingxelo zokuba maninzi amafama amhlophe eli athe ashiya kwezolimo ebalekiswa ziingxaki ezahlukeneyo. Amanye kuwo enza ezinye iindlela zoshishino eshiya ukulima nokufuya, logama amanye kuwo elibaleka kwa ilizwe loMzantsi Afrika.