Umgquba likhubalo lokubuyisa ingca emadlelweni.
Image: PublicDomainPictures
Umgquba sisichumiso sakudala ekulula ukufikelela kuso ingakumbi kumafama afuyileyo ekwalima nokulima.
Ufumaneka ngaphandle kokusebenzisa imali, kwaye uneziphumo ezihle kakhulu ezithi zibangele ukunyuka kwengeniso yakho mfama kwiinzame zakho zokuvelisa ukutya emasimini okanye egadini.
Kweli inqaku sixhobisa amafama ngeendlela zokuvuselela ingca emadlweni ngokusebenzisa umgquba, bambi bathanda ukutyala inkunkuma yesodasti ukuzama ukuvuselela ingca. Amadlelo akhuthuka aphele ngenxa yokuba iinkomo okanye iigusha neebhokhwe zakho zisebenzisa ngamandla idlelo elithili.
Ukunqongophala kwemvula nako kunegalelo ekupheleni kwengca emadlelweni, kodwa xa uthe wathatha umgquba obolileyo wawugalela kumabala angenangca kubakho umahluko kamva. Kaloku umgquba lo uvela emhlabeni ukwayindibanisela yezinto eziveliswa ngumhlaba ezithi zityiwe ziinkomo okanye iibhokhwe neegusha.
Kodwa okubalulekileyo kuwo kukuba wona ufumene ithuba lokuvunda ukuze kuqandusele izithako ezithi zakufika emhlabeni zibangele ukutyeba komhlaba ngokukhawuleza.
Ukukhula kwengca emhlabeni kuyinzuzo kwizilwanyana kodwa kukwakhusela umhlaba wakho ukuba ungakhukhuliseki lula ngumoya neemvula ezinesikhukhula.
Ukunqongophala kwengca kwenza ukuba amafama azibone echitha imali ethe kratya ngokuthenga izinto zokuncedisa ukondla imfuyo. Kodwa xa kukho amacebo okuqhubela phambili imveliso yengca eyaneleyo akubikho sizathu sokuthengwa kwamabhalo nezinye izinto zokuncedisa imfuyo.
Uphando olwenziwe ngumfundi wenqanaba lePhD eMpuma Koloni lubonisa ukuba amafama achitha imali eninzi ezama ukugcina ingca ethengwayo ikhona kwiifama zawo.
Ubuninzi bemfuyo yakho kuthetha ukuba ngenene umgquba wokutyebisa umhlaba unawo, ngoko ke asikho isizathu sokuba usokole ngokuthenga izinto zokutyisa imfuyo yakho, galela umgquba kumabala angenangca ukuze ikhule.
Ngaphandle kokonga imali yakho mfama oku kukwanegalelo lokugcina umhlaba wakho ukhuselekile kukhukhuliseko nezinye iingxaki ezibangela ilahleko kumhlaba wakho.