Umfama osemtsha uNkosinathi Makamela.
Image: Lolo Mixed Farming/Facebook
Le yinyanga yolutsha ngokwendlela ekwamiselwa ngayo ukusukela oko kwangena ulawulo lwentando yesininzi ngo1994.
Kule nyanga masikhangele indima negxathu elidlalwe ngurhulumente ukuphuhlisa ulutsha kwezolimo ingakumbi ulutsha lwabantwana abamnyama.
Kaloku aba ngabazukulwana bamadoda namakhosikazi azibona enyanzelekile ukuba abezizicaka kumafama angaphambili.
Kodwa ke oku kuye kwaguquka ngenxa yemeko yentando yesininzi kweli, apho ulutsha lunikwe ithuba lokuba ngabanini beefama abanye bexaswa kwiinzame abaziqale ngokwabo.
Olu lutsha luphuma kubantu abebefuya kancinane, befuya belima izinto ezithile ezaziwayo, kodwa ulutsha lwanamhlanje lenza izinto ezintsha kwezolimo.
Amafama amatsha amnyama kweli ayakwazi ukulima iziqhamo ezifana neMacademia, irharnati, igwava nezinye izityalo ebezinqabile kumaxesha angaphambili. Ayakwazi ukuvelisa ezona mveliso zingenisa imali ecacileyo eziquka ukulima iimbotyi zohlobo lwesoya.
Amafama amnyama alulutsha ayakwazi ngoku ukuba ngabanikazi beendawo zokuxhela nokuba izigunyazisi zabo zibanika ithuba lokuba benze kancinci. Ngaphambili ooyise mkhulu bamafama alulutsha babebamba iinkomo nezinye izilwanyana kwimiboniso yezolimo.
Kula maxesha angoku, amafama alulutsha amnyama ayakwazi ukuba ngabanikazi bezilwanyana ezingenela eyona miboniso mikhulu kweli.
Akakho ubani owakhe wacinga ukuba amafama amnyama alulutsha angakwazi ukuzenzela intengiso yasesidlangalaleni.
Ngaphandle kokuba amafama alulutsha ngoku ekwazi ukuzenzela iintengiso esidlangalaleni, kodwa abanye kubo bayakwazi ukuzenzela intengiso umntu eyedwa.
Emva koGqirha uJotello Soga baninzi abantwana abamnyama abathe bangenela izifundo zokuba ngooGqirha bezilwanyana. Minyaka le iiYunivesithi zeli zivelisa ooGqirha bezilwanyana abamnyama.
Amaziko emfundo ephakamileyo aquka iiYunivesithi kwakunye neeKholeji adlala indima enkulu ukukhulisa inani lezifundiswa kwezolimo ezilulutsha.