UWayne Muller ongumphathi omtsha weRoyal Agricultural Show.
Image: RAS
IRoyal Agricultural Show (RAS) ngomnye wemiboniso yamafama emidala nekukudala iqhuba kweli loMzantsi Afrika ukusukela ngonyaka ka1851.
Lo mboniso wabonakala okokuqala kwidolophu yasePietermaritzburg eThekwini, ngoko wawubizwa ngegama elithi The Pietermaritzburg Fair nowathi kamva watshintsha igama.
Ukusukela ngomhla wokuqala wenyanga ezayo, lo mboniso uza kuba uphantsi komphathi omtsha uWayne Muller othe watyunjelwa kwisikhundla sokuphatha.
Ingxelo yeRoyal Agricultural Show ithi uWayne Muller uza ephethe ingxowa yamava ngokukodwa kumcimbi wokwenza amalungiselelo wemiboniso yamafama.
"Injongo kukuqhubela phambili isidima nembali yomboniso wamafama ophambili kweli loMzantsi Afrika, ngokukodwa kweli laseKZN," kutsho uMuller.
Ukusukela oko yaqalayo iRoyal Agricultural Show ixhobise amafama amancinci namakhulu ngenkuthazo, ulwazi kwakunye namava okuqhubela phambili umsebenzi wezolimo eMzantsi Afrika.
Iikholeji zezolimo ezahlukeneyo kweli zifumana ithuba lokubonisa nokuthetha ngezifundo zabo nolutsha ngeenjongo zokubakhuthaza ukuze bathande izifundo zezolimo.
Lo mboniso uqhutyelwe kwiholo yedolophu yasePietermaritzburg ixesha elide ukusukela kwiintsuku zawo zokuqala, kodwa kamva waya waqalisa ukuqhutyelwa kumabala emidlalo ala dolophu.