Entsimini

Imveliso yobisi eMelika

Siyabulela Mqikela|Published

Usuku lwehlabathi lobisi lusuku lwehlabathi olwasekwa nguMbutho woKutya kunye nezoLimo (FAO) weZizwe eziManyeneyo ukuqaphela ukubaluleka kobisi njengokutya kwehlabathi.

Image: iStock

Umhla wokuqala kwinyanga yeSilimela ngumhla wokukhumbula nokunika imbeko kwimveliso yobisi kwihlabathi. 

Ngokolwazi olukhutshwe yiDairy Farmers of America, amafama obisi kwela lizwe avelisa ubisi olondla abantu abaqikelelwa kwibhiliyoni. 

Ngokwengxelo, ziifama zobisi ezikwikhulu namashumi amathathu anesithathu ezivelisa ubisi kwela lizwe laseMelika. 

Uninzi lweefama ezivelisa ubisi eMelika zilawulwa ngamanina kwaye zonke ziqhuba kakuhle ngaphandle nje kweengxaki ezibangwa yindalo. 

Ubisi luvelisa umyinge wezakha mzimba ezifana nekhalsiyam eqikelelwa kwisiqingatha esifunwa ngumzimba. Lishumi elinesithathu izakha mzimba eziquka uVithamini B2 ezithi zifumaneke ebisini kulo athi alisele okanye alisebenzise kwezinye izityo zakhe. 

Ngenxa yobisi oluqulethe izakha mzimba eziphambili, ihlabathi linabantu abaphilileyo ngenxa yokondliwa lubisi nezinye izityo. Ngaphandle kokwakha umzimba, ubisi ludlala indima ephambili ukunika amathuba engqesho kwabo badinga imisebenzi, logama likwafaka imali kwabanye.

Izakha mzimba eziqulethwe lubisi zidlala indima entle ukuqinisa amathambo kwakunye namazinyo, logama zikwancedisa kwidabi lokuqinisa amajoni omzimba.

Iingcali zempilo zikhuthaza ukuba umntu ngamnye asele umyinge welitha enye yobisi ngosuku ukuze aqinise amajoni akhe omzimba.

Ilizwe loMzantsi Afrika linamafama wobisi aqikelelwa kwiwaka namakhulu amabini kuphela, oku kwenza ukuba ibephantsi kakhulu imveliso yobisi eMzantsi Afrika.

Zininzi kakhulu iimveliso eziveliswa ngobisi ukusuka kwezityiwayo, amachiza okunyanga nezinye ezininzi, ngoko ke ubisi ngundoqo.