Indlela yokutyala itswele elibomvu.
Image: Growfully
Itswele elibomvu likhula lula ngaphandle kwengxaki njengezinye iindidi zetswele, kodwa nalo lidinga ngamandla ukulungiselelwa kuqala. Kuthwa zikhula lula kumaqondo obushushu obufikelela kwishumi elinesithathu ukuya kumashumi amabini anesine eselishiyasi, kumhlaba otyebileyo.
IPH yomhlaba kufuneka ibephakathi kwesithandathu nesixhenxe ukuze umhlaba lowo ubengofanelekileyo. Ukulungiswa komhlaba okupheleleyo ngundoqo kwinkqubo yokulungiselela ukutyala itswele elibomvu. Umhlaba wakho kufuneka ibengumhlaba onokufuma okwaneleyo, umhlaba olungisiweyo ngokuthi uphethulwe, kubulawe amagada ukuze izityalo zingasokoli ukukhula.
Xa utyala nika isithuba somgama ozi-iintshi ezilishumi elinesibini ukuya kwezilishumi elinesibhozo iirowu zakho, ukuze unike umgama wee-iintshi ezine ukuya kwezintandathu phakathi kwesityalo ngasinye.
Ukuthenga uhlobo lwembewu esemgangathweni kubaluleke kakhulu kwinkqubo yakho yokutyala kuba iziphumo ezihle zixhomekeke nakuhlobo lwembewu oyityalileyo.
Tyala izithole zakho kubunzulu obufikelela kwisentimitha enye ukubheka ezantsi. Xa uzityala kwakho emva kokuba ubutyale imbewu engumgubo, kwenze oko emva kwesithuba seeveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo.
Indlela eyiyo yokunkcenkceshela kukuqinisekisa ukuba umhlaba wakho uhlala ufumile ngamaxesha onke ngaphandle kokunkcenkceshela ngokugqithisileyo. Kaloku ukunkcenkceshela ngokugqithisileyo kubangela ukubola kwezithombo zakho ukusukela ezingcanjini, oko kwenza ukuba zingakhuli kakuhle okanye zife.
Izichumiso zentengo okanye umgquba kufuneka uzisebenzise kanye ngexesha oza kuba utyala ngalo izithole zakho. Ungaphinda uzifake izichumiso zakho xa sele zikhulile noko izithole zakho ukuze zikhuthazeke ukunyuka ukubheka phezulu.
Kufuneka umfama abenesicwangciso sokugada ikhula kwakunye nezinambuzane ezitya izithole ukuze aqinisekise ukuba uza kufumana isivuno azimisele ukusifumana. Fumana icebo kwigosa lakho lezolimo ukuze uhlale ukhusele izityalo zakho kwikhula nakwizinambuzane ezizityayo.