Entsimini

UBill Gates uza kuxhasa ezolimo eAfrika

Siyabulela Mqikela|Published

UBill Gates uza kutyala imali kwinkqubo yokugonywa kwemfuyo amazwe aseAfrika aza kuxhamla kuyo.

Image: Getty Images

Isityebi esaziwayo kwihlabathi ngenxa yeenzame zokuncedisa abahluphekayo, uBill Gates, ubekele bucala imali ejoliswe ukuncedisa ukugonya imfuyo, ngokukodwa kumazwe aseAfrika. 

Ukugonywa kwemfuyo kubaluleke kakhulu kumafama nanjengoko athi amafama achithe kancinci ukunyanga imfuyo. 

Imfuneko yokutya kwihlabathi ihambiselana ncakasana nokukhuselwa kwemfuyo kuba ijika ibekukutya kamva. "Ilizwekazi laseAfrika liza kuba lelokuqala ukuqatshelwa kule nkqubo, injongo ephambili kukuqinisekisa impilo yezilwanyana, logama sikwaqinisekisa ukuba ukutya kuveliswa ngamaxesha onke," itsho ingxelo kaBill Gates. 

Uninzi lwamazwe aseAfrika athwaxwa yindlala neemeko ezinzima zemozulu ezikhuthazwa kukungabikho kwezixhobo ezifanelekileyo zokuphila nokusebenza.

"Kwilizwekazi laseAfrika, imfuyo ngundoqo wokuphila nokwenza imali kwimpilo yemihla ngemihla. Olu gonyo luza kuthintela izifo ezahlukeneyo kwiinkomo, iigusha neebhokhwe eziyinxalenye yobomi bemihla ngemihla bamafama," icacise yatsho ingxelo kaGates.

Le ngxelo ithi imfuyo ephilileyo iza kukhokelela kwimpilo engcono ephilwa ngabantu baseAfrika kwintlalo yemihla ngemihla, logama iza kuba idlala indima ukukhulisa imeko yoqoqosho.

Kuthwa zikho izigxeko malunga nale nkqubo nangona amafama welizwekazi laseAfrika eza kuba efumana ithuba elihle lokukhusela imihlambi yawo.

"Kukho inkxalabo malunga nokuxhomekeka kwamafama aseAfrika kumayeza okugonya asuka kwamanye amazwe, kukwakho inkxalabo malunga nemvelaphi yamachiza aza kusetyenziselwa ukugonya imfuyo eAfrika," ihambise yatsho ingxelo kaGates.

UBill Gates ngomnye wamadoda anomhlaba omkhulu wezolimo eMelika, nanjengoko ekuthanda ukulima nokufuya.