Abasebenzi emasimini weti yaseMagwa.
Image: Magwa
Lo ngumbuzo ebesikhe sawubuza ngaphambili nowabangela ukuba sifumane izithembiso zokuba iti yaseMagwa iza kufumaneka kuzo zonke iindawo zeMpuma Koloni.
Lo mbuzo wasuka kwinto yokuba le ti ifumaneka kwiindawo ezithile ezimbalwa apha eMpuma Koloni, kodwa kumele ukuba libhongo neqhayiya lwabantu beli phondo.
Umhla wamashumi amabini ananye kuCanzibe ngumhla wokubhiyozela imveliso, ingeniso nayo yonke into emayela neti kwihlabathi. Xa ujikeleza ngemehlo kwiivenkile ebekumele ukuba zithengisa le ti, hayi ayifumaneki.
Ukunaba kwale ti kwiindawo ezininzi zeMpuma Koloni kungabangela ukuba ikhule ingeniso yayo kuvuleke amathuba emisebenzi kubekho nozinzo kwimveliso yayo.
Kutheni ingekho iti yaseMagwa kwiivenkile abathenga kuzo abantu baseMpuma Koloni ekucingeleka ukuba yenzelwe bona? Kwiivenkile ezintlanu ezikhoyo, kwidolophu nganye ungaba unethamsanqa ukuba ungayifumana le ti kwezimbini zazo.
Ndothuke kakhulu ngomhla uthile ndiyibona kwiivenkile zaseBeacon Bay eMonti, kodwa xa usiya kwiivenkile zaseNgqeleni, Libode, Ntabankulu awusoze uyifumane. Mhlawumbi ke siyaphazama kodwa ukuba impendulo esinokuyifumana ingolatha indawo efumaneka kuyo kwiMpuma Koloni ngokubanzi, oko kungenza ukuba sitshintshe uluvo.
Abaphathi bala ndawo esakhe sancokola nabo ngaloo nyaka bakwamkela ukuba ngenene ayifumaneki kulo lonke iphondo, kodwa bathembisa ukuba bakwiphulo lokuba ifumaneke kulo lonke iphondo leMpuma Koloni.
Xa bekusetyenzwa ngendlela eyiyo kwiziko elivelisa le ti, kumele ukuba le ti ifumaneka nakwezona zincinci iivenkile eMpuma Koloni.
Ukuba ungatyelela izikolo zeli phondo ubuze abantwana ngeti yaseMagwa, kunganzima ukufumana ulwazi olubanzi ngayo.
Ngoko ke abaphathi, amagosa naye wonke ubani ochaphazelekayo kwimveliso yeti yaseMagwa, makuqinisekiswe ukuba iti yaseMagwa ixhanyulwa ngabantu baseMpuma Koloni.
Iinjongo zabasunguli beli phulo abaquka ubuKumkani bamaMpondo babeneenjongo zokuba abantu baseMpuma Koloni baphunge iti yabo. Kutheni ezinye iiti zifumaneka lula ezivenkileni kodwa le ityalwa apha kweli phondo kubenzima kangaka ukufumaneka kwayo. Ndiyaphinda ndithi iphi iti yaseMagwa?