Entsimini

Inkomo yeBrahman yinkomo yodidi

Siyabulela Mqikela|Published

IBrahman yenye yeenkomo eziphambili eMzantsi Afrika.

Image: iStock

Le yenye yeenkomo esele ithandwa kakhulu ngamafama weli loMzantsi Afrika kwiindawo ezininzi zeli ngenxa yokuba yomelele ukumelana neemeko ezahlukeneyo zemozulu.

Imbali yalo Brahman ithi le nkomo isuka kwilizwe laseNdiya, yaza yaqala ukuthengiselwa amafama aseMelika ngeminyaka ephakathi ko1854 no1926.

Ixesha elide emva koko le nkomo ibifumaneka kuphela kwiindawo ezisemazantsi eMelika.

Igama elithi Brahman kule nkomo lamiselwa ngokusesikweni ngonyaka ka1924 ithiywa ngomfundisi wenkomo wamaHindu uBrahmins.

Le nkomo idlisela ngokomelela kwimbalela neemeko ezimbi zemozulu, yiyo loo nto amafama amaninzi ekhetha ukuyifuya.

Ayidingi ndleko zingako ukuze iphile ngempumelelo kwifama yakho mfama nokuba iimeko zakho zimbi kangakanani. Inoboya obuhle obubambelele ngokwaneleyo efeleni, buyamenyezela xa yondlekile. 

Iindlebe zayo ezinde ziyincedisa ukulwa iimpukane nezinye izinambuzane ezithanda ukuphazamisana nempilo yayo. 

Umbala ophambili wale nkomo ngungwevu ohamba nokubamhlophe kancinci, iinkunzi zithanda ukuba mdaka ngombala.

Ziphila ixesha elide kwaye ziyazala ngokufanelekileyo ngaphandle kwengxaki njengezinye iindidi zenkomo. 

Ziwathanda kakhulu amathole azo, kwaye zilwela ukufa xa zidibana nayo nantoni efuna ukuphazamisa amathole azo. Zinalo ubisi kodwa alungako kuba ngokwendalo yazo ziinkomo zenyama.

Ngonyaka ka1954 umfama waseNamibia uJurgen Crantz wathenga iinkunzi zenkomo ezisibhozo zeBrahman eTexas eMelika. 

Oku kwaba kokuqala ukuba iinkomo zeBrahman zifumaneke kweli lamazantsi weAfrika, ukusukela ngoko azizange ziyeke ukwanda nokukhula ngamanani iinkomo zeBrahman kumazantsi weAfrika. 

Ngo1957 kwasungulwa umbutho iBrahman Cattle Breeders Society of South Africa eKroonstad kwiphondo laseFreyistata. Emva koko ibemininzi imibutho yamafama athanda le nkomo yohlobo lweBrahman, kwaye isakhula kunangoku imveliso yeBrahman kweli.