Imveliso yobisi yehlile kwilizwe laseNamibia.
Image: iStock
Uhle ngomyinge wamashumi amathathu eepesenti ekhulwini umyinge wobisi oluveliswa kwilizwe laseNamibia kwisithuba seminyaka emihlanu.
Ela lizwe belivelisa ubisi olukumashumi amabini anesine eelitha ngonyaka ka2017 nekuthe kwakho ukwehla okuya kwishumi elinesihlanu ngonyaka ka2022.
Ingxelo ekhutshwe liSebe lezolimo kwela lizwe ithi oku kubangelwa zizizathu eziliqela eziquka ukuhla kwamanani wamafama eNamibia.
Amafama avelisa ubisi kwela lizwe ebengamashumi amabini anesixhenxe ngonyaka ka2017, kodwa ngoku sele kusele amafama amane kuphela avelisa ubisi kwela lizwe.
Iingxaki eziquka impilo yezilwanyana exabiso liphezulu kwakunye nemozulu eguqukayo zezona zizathu ziphambili ezibangele yonke le nguqu, itsho ingxelo.
Ixabiso eliphezulu lokutya kweenkomo nokufunyanwa ngokuba kuthengwe kumazwe anje ngoMzantsi Afrika zezinye zeengxaki ezinyanzele amafama wobisi eNamibia ukuba ashiye.
Kwiifama ezine ezishiyekileyo kuthwa inye kuphela evelisa ubisi olukumyinge ophezulu, ezinye zivelisa ubisi olungonelanga.
Amafama wobisi oMzantsi Afrika asahamba phambili ngokuba ngawona athumela ubisi kwela lizwe laseNamibia rhoqo ukuze kuhlale kukho ubisi kwela lizwe.
Ngaphambili, ela lizwe ibilelinye lamazwe aziwayo ngokuvelisa ubisi kumazwe akumazantsi weAfrika.