Lumla amantshontsho eehagu zakho ngendlela eyiyo.
Image: Facebook
Ukususwa kwamantshontsho kunina yenye yezinto ezinzima kakhulu kumafama nanjengoko lingeva kamnandi intshontsho, nomfama ekeva kamnandi naye.
Ukulumla linqanaba elibaluleke kakhulu kwinkqubo yokukhulisa imveliso yasefama, kaloku oku kwenza ukuba unina afumane ithuba lokubuyisa umzimba wakhe. Ngaxeshanye amantshontsho afumana ithuba lokuqala okanye ukuqhela ukuzimela ephila ngaphandle konina wawo.
Afunda ukutya, ingca, ukusela amanzi, kwakunye nezinye izinto zendalo ngaphandle kokuxhomekeka kwisondlo sokuncanca kuphela. Ixesha lokulumla lixhomekeke kwimeko leyo umfama ajongene nayo, kodwa emva kwenyanga ezintathu aqine ngokwaneleyo amantshontsho eehagu ukuba angazimela.
Nangona kunjalo akhona amafama awalumla amantshontsho kwangoko, akukho nto ityhulu ngoku ingakumbi xa umfama eqinisekile ukuba unazo iindlela namacebo okukhulisa amantshontsho ngaphandle koonina. Ukugonywa kwamantshontsho ngaphambi kokuba alunyulwe kunina kubaluleke kakhulu nanjengoko impilo yala mantshontsho ixhomekeke kugonyo.
Ukujonga umyinge wobunzima bawo amantshontsho kubalulekile, kufuneka amantshontsho akho abenobunzima obungaphezulu kweKhilogram ezintandathu phambi kokuba uwalumle. Amantshontsho anobunzima bomzimba obungaphantsi kweKhilogram ezintandathu akhula nzima.
Amantshontsho anemizinjana ecekeceke kufuneka ukuba alindwe ade akhule ngokwaneleyo phambi kokuba alunyulwe koonina. Wabeke ngokobunzima bomzimba wawo xa uwalumla okanye ngokulingana kwawo, amakhulu, aphakathi kwakunye nalawo mancinci ngomzimba.
Amantshontsho anemizimba emincinci mawahlaliswe kude kunalawo anemizimba emikhulu. Ukudityaniswa kwamantshontsho azelwe ngoomama abohlukeneyo kudla ngokuba nengxaki, ukungalingani nezinye izinto ezingumahluko zibangela iingxaki.
Ngeli xesha amantshontsho afuna ukukhathalelwa ngoku kodwa, oku kungenxa yokuba abanoxinzelelo ngendlela eyodwa ngenxa yokuba ezibona ehlala ngaphandle koonina.
Akulunganga ukutshintsha ukutya kwawo ngephanyazo, ukutya obuwaqale ngawo emva kokuba uwasusile koonina kufuneka uqhubeke nako. Ukufumana iingcebiso zamagosa karhulumente kusoloko kuyinto elungileyo ngamaxesha onke.