Zivelisele ukutya wahlukane nendlala.
Ukunqongophala kokutya yeyona ngxaki ihlabathi lonke lijongene nayo ngenxa yeemeko ezininzi ezahlukaneyo.
Oku kunqogophala kokutya kubangela ukuba abantu babhuqwe yindlala, kukhule ulwaphulomthetho, izifo nezinye iingxaki.
Ukunqongophala kokutya kukwabangela ukuba abathile babhenele ekuthengiseni iziyobisi ezithi zitshabalalise abantwana nekamva lelizwe.
Xa kukho ukutya okwaneleyo okulinyiweyo, abantu bahlala benemali ezipokothweni imihla ngemihla.
Ukuvelisa ukutya ngokulima kwenza ukuba abantu babesisizwe esingaxhomekekanga kurhulumente neenkqubo zakhe, koko bakwazi ukuziphilela ngamaxesha onke.
Iingxaki zempilo ziliwa lula xa kusityiwa ukutya okuphuma emasimini okanye egadini, kuba kuqulethe zonke izakha mzimba.
Ukulima nokufuya kwenza ukuba uluntu lukwazi ukuzenzela imali ukuze luqhube lula nempilo, logama likwaqhubeka luzondla lisenzela ikamva.
Ulimo nokufuya lunceda ukugcina abantu basekuhlaleni bemanyene besenza into enye amaxesha onke ngokuthi babe yinxalenye yooKopolotyeni basekuhlaleni.
Ngaphandle kokwenza imali, umlimi ufumana ithuba lokufunda gabalala ngeendlela zokuphila ingakumbi ezo zijoliswe ukuba uhlale unokutya okwaneleyo.
Ulimo likwanefuthe kwimeko yamasiko nezithethe zezizwe ezininzi ehlabathini, kaloku kwezinye izizwe ukulima nokufuya yindlela yokuphila.
Ukuphila ngokulima kukwanegalelo elicacileyo ukukhusela indalo ngokunqanda ukukhukuliseka komhlaba nezinye iingxaki ezithi ziphazamise umhlaba.
Umhlaba uhlala ukhuselekile xa kuhlala kulinywa ngamafama kuba ukuhamba kwamanzi kuyalawulwa, umhlaba uhlala utyaliwe ngamaxesha onke.
Ukulima nokufuya kukwanika iintsapho ithuba lokuba lugqithise ulwazi kubantwana nesizukulwana esilandelayo.
Oku kulima kukwakunika ithuba lokuba ufunde ukuzenzela imali ngokuthengisa izinto ozilimileyo eziquka imifuno, amaqanda, inyama nezinye iimveliso zakho mfama.
Related Topics: