Liphantsi izinga lokufa kweempangele namantshontsho azo.
Iimpangele zibalelwa phantsi kweenkukhu nezinye iintaka ezimilenze mibini xa kuthethwa ngezilwanyana zasefama. Izibalula ngokuba liphantsi izinga lokufa kwayo namaqanda ayo kwakunye namantshontsho ayo.
Ezinye iintaka zinelishwa lokuba zifelwa lula ngamaqanda, amantshontsho okanye kufe zona.
Oku kuthetha ukuba le ntaka ingafuywa ngumfama ukuze ibeyinxalenye yeshishini lefama yakho ukuze ukhule kwezolimo nokufuya.
Ukungafi lula kwale ntaka iyimpangele kuthetha ukuba ngaphandle kwamathandabuzo umfama unengeniso entle. Kaloku ukufuya impangele kwenza ukuba umfama angenise ngokuthengisa amaqanda wayo, inyama yayo kwakunye neentsiba zayo.
Impangele izibalule ngokuba izala amaqanda afika kwikhulu ukuya kwikhulu elinamashumi amabini ngonyaka.
Ezinye iintaka ezifana neenkukhu azisondeli nakancinci kwelo nani lokuzala kwempangele. Oku kuthetha ukuba ngesithuba seminyaka emibini, impangele enye ingakuzalela amantshontsho angamakhulu amabini.
Le ntaka iyaziwa ngokuba ayihlaselwa lula zizifo ngenxa yokuba izondla ngezinto zendalo eziquka ingca kwaye zonke ziqulethe izithako ezilwa iindindi zezifo emzimbeni.
Amajoni omzimba wempangele omelele ngohlobo oluphezulu, konke oku kwenza ukuba izifo zingakwazi kugqobhoza kumzimba wale ntaka imabala bala.
Ngenxa yokuba bukhali kwamajoni omzimba wempangele, akukho mfuneko yokuba umfama achithe imali yamayeza okunyanga le ntaka.
Impangele iqalisa ukuba kwixabiso lokuba ingatyiwa xa ineenyanga ezilishumi elinesibini ukuya kwiinyanga ezilishumi elinesine. Zithanda ukuhlala kwiindawo ezingenabumanzi, ezinomoya owaneleyo ukuze ziphile ngendlela eyiyo nexesha elide.
Ezi ntaka zizibalula ngengxolo kwiindawo ezikuyo, ngenxa yoku kulula ukuzazi ukuba zikhona kwindawo ofika kuyo. Azifumaneki lula kwizifo zeentwala nezinye izifo ezihlasela izilwanyana ezifana neentaka.
Related Topics: