Iibhokhwe zeSaanen ezivelisa ubisi.
Ngenxa yemfundiso nenkuliso yangaphambili, abantu namafama amaninzi awaliboni ixabiso kwimveliso yeebhokhwe.
Uninzi lwabantu luyayazi ukuba iibhokhwe zingafuyelwa ukwenza amasiko kuphela, logama abanye bekholelwa ukuba ibhokhwe ixhelwa kuphela ngosuku lwesiko.
Luncinci kakhulu ulwazi malunga nendima edlalwa yinyama yeebhokhwe kwakunye nobisi layo kwimpilo yomntu ngamnye esizweni. Iibhokhwe zikhuliswa ngeenjongo yokuba zivelise inyama yazo ethi ithengiswe ngexabiso eliphezu kumazwe anolwazi loku.
Ingeniso yemali ngunobangela wokuba kuhlale kufuywa ngamafama emfuyo ukuze akhule ngokungenisa imali.
Inyama yebhokhwe yaziwa ngokuba inencasa yendalo ingakumbi xa yondliwe ngokufanelekileyo, ikwaqulethe izakha mzimba eziquka iprotheni efunwa ngumzimba.
Amafama asakhulayo eMpuma Koloni azithanda kakhulu iibhokhwe, kodwa zifuywa ngeenjongo yokuba zithandwa kungekho njongo ncam yokwenza imali.
Kule mihla iibhokhwe zithengiswa ngexabiso eliphezulu kakhulu nanjengoko zisebenza ngamandla kumasiko nezithethe zeli loMzantsi Afrika.
Ukanti abantu bamazwe afana nePakistan abakweli nabo bangenelele ukukhulisa, inani labo bathenga iibhokhwe eziphilayo ukuze bazixhele. Ibhokhwe iphila kakhulu ngokutya izinto eziyindalo, kwaye ayixhomekekanga kumayeza aseNtshona ukuze iphile ngendlela eyiyo.
Oku kuphungula inkcitho yomfama ukondla nokukhulisa iibhokhwe zakhe ngaphambi kokuba zifike kwinqanaba lokuba zithengiswe.
Ubisi lwebhokhwe lihamba phambili ngokuqulatha izakha mzimba ezidingwa ngamandla ngumzimba ingakumbi kwiintsana ezisakhulayo. Ngobisi lwebhokhwe umfama angakwazi ukuba ajike abengumvelisi wesonka samasi, ibhotolo, iyogathi nezinye izinto ezityiwa imihla ngemihla.
Ibhokhwe iphila lula kwiindawo ezininzi ingakumbi ezo zinemithi yomnga, umnquma neminye imithi ephambili ukondla imfuyo.
Kwiindidi zeebhokhwe ezahlukeneyo, ufumana ezo zivelisa uboya obusemgangathweni ongaphezulu kakhulu kumgangatho woboya begusha.
Iimfele zebhokhwe nazo ziyasebenza ukuvelisa iimveliso zefele ezithandwa kakhulu ngabo bathanda ifashoni. Ihlabathi lilonke lineebhokhwe ezikwiibhiliyoni, logama zingamashumi amathathu anesihlanu ekhulwini eepesenti iibhokhwe ezikwilizwekazi laseAfrika.
Related Topics: