Kuza kuvulwa iziko lempilo yezilwanyana eQoboqobo.
UBatandwa Ntshingwa uzimisele ukudlala indima enqabileyo kwezolimo labamnyama kweli, ngokuvula ivenkile yokuthengisa amayeza ezilwanyana kwidolophu yakokwabo eQoboqobo.
Abekho okanye banqabile abantu abamnyama abangenayo kwinkqubo yokukhathalela impilo yezilwanyana.
Ingingqi yaseQoboqobo izele ngamafama amancinci kwezolimo nokufuya oku kwenza ukuba ngenene ibekho imfuneko yokuba kubekho ivenkile elolu hlobo. Ngokuvula eli ziko, uNtshingwa unyathela ezinyaweni zamadoda aquka uGqirha Jotelo Soga (1865 - 1906), owathi wabanguGqirha wezilwanyana wokuqala omnyama.
“Ndiyabona ukuba sikhona isidingo esikhulu sokuba sibenayo ivenkile yamayeza emfuyo, ivenkile inye elapha kwaye abantu bafumane amathuba okukhetha kwiivenkile ezininzi,” kucacisa uNtshingwa.
UNtshingwa uzimisele ukufundisa amafama ngokuba anikise nangengcebiso kwiindlela zokusetyenziswa kwamayeza abawathenge kuye.
“Ndisebenze kwiindawo ezininzi eziquka iMpumalanga, ndisebenza ngempilo yezilwanyana, ngoko ndiza namava nolwazi olubanzi, amafama aza kufunda ngezinto eziquka iindlela zokusebenzisa amayeza, umyinge wokugalelela imfuyo nezinye,” kutsho uNtshingwa.
Ukusukela ngonyaka ka2014 usebenze njengengcali yempilo yezilwanyana kwiindawo eziliqela. “Ndikhe ndafumana ithuba lokuba ngumlawuli wefama yeenkomo zenyama eMpumalanga, apho ndafika kukho iinkomo ezilikhulu, kodwa ndimke sele ziqabele kumakhulu amane,” kucacisa uNtshingwa.
Ukufika kwakhe eQoboqobo uqhubeke efundisa amafama ngezinto ezininzi ezimalunga neendlela zokusebenzisa amayeza.
“Enye ivenkile yesibini eza kuqhubeka ithengisela amafama, efundiswa, eqeqeshwa, ehanjelwa nakwiifama zawo iyafuneka apha ukuze amafama akowethu akhule kumsebenzi wawo,” utsho uNtshingwa.
UNtshingwa ufunde izifundo zolawulo kwezolimo kwiYunivesithi yaseNelson Mandela Bay eGqeberha ezithe zamkhuthaza kumsebenzi wokuba yingcali yempilo yezilwanyana.
IQoboqobo inamafama amaninzi afuye iinkomo, iigusha, iibhokhwe kwakunye neehagu ezithi zonke zidinge amachiza kuquka namacebo okuphilisa ezi zilwanyane.
Ukuvulwa kwevenkile elolu hlobo kubonisa ukuguquka kwezinto, kukwachaza ukukhula kwamafama amnyama kwezolimo ngolwazi nezinye iindlela.
Related Topics: