UOwethu Siswana ngumfundi kaGrade 12 okwangumfama weehagu kwaDikidikana eQonce. Umfanekiso: Agriculture and Young
UOwethu Siswana wakwaDikidikana eQonce ngumfundi kaGrade 12 eDale, ukwangumfama weehagu zohlobo eziquka iDuroc, Large White kwakunye neLandrace ezihamba phambili ngokuvelisa inyama.
“Ndisebenzisa umhlaba oziihektare ezingamashumi amabini, ndiqale ukufuya kule ndawo ngonyaka ka2023, ndigxile ngokukodwa kwimveliso yeehagu ezindidi,” uqhayisa utsho uSiswana.
Kunqabile ukubona umntu oneminyaka elishumi elinesibhozo esenza umsebenzi wokulima nokufuya ngothando ngohlobo enza ngalo uSiswana.
“Ukukhulela efama katatomkhulu ndingqongwe ziigusha, iinkomo neebhokhwe kuye kwahlupheza ngamandla umdla wam wokufuya, ukubhubha kwakhe ndaziva ndinoxanduva lokuqhubela phambili,” kucacisa uSiswana.
Uthi ukudibanisa iindlela zakudala zokufuya kwakunye nobuchule bala maxesha kumncedile ukuba azibone ehambela phambili kumsebenzi wakhe.
“Andinamfundo okanye uqeqesho oluhambelana nokulima nokufuya, kodwa amava okwenza izinto neemfundiso zikatatomkhulu kuyandikhokela,” utsho uSiswana.
Ngaphandle kokuba ngumfundi ongumfama, uSiswana ukwangumdlali wombhoxo nanjengoko isikolo saseDale sisaziwa ngokuvelisa iinjinga zombhoxo kweli.
“Ndiqhuba isikolo, umbhoxo, nefuthe lam lendalo lokuba ngumthengisi – ndiqhubela phambili isithethe sekhaya sokuba ngamafama,” kutsho uSiswana.
Oku kunika inkuthazo emandla kuninzi loontanga bakhe esikolweni, kumbhoxo nakwezolimo ngokunjalo.
Related Topics: