Kwinkqubo yesondlo seenkomo kwiziko lokondla iinkomo.
Ukugcinwa kwemfuyo kwindawo enye ngeenjongo zokuba yondliwe yinto engaqhelekanga kumafama amnyama kweli laseAfrika.
Oku kwenziwa ngeenjongo ezininzi eziquka ukuqinisekisa ukuba zifumana zonke izakha mzimba logama zisaqalisa ukukhula.
Amaxesha amaninzi amaziko okondla imfuyo asetyenziswa kwiinkomo ngeenjongo zokuba zifumane umzimba ofanelekileyo ukuze zityebe ngokwaneleyo.
Oku kunceda ukuba amafama akwazi ukuqwalasela inkqubela yezo nkomo kwindawo encinane, bakwazi ukuqaphela zonke iingxaki zokukhula kwenkomo.
Ukutya okukhethekileyo okunikwa ezi nkomo kule ndawo kudlala indima ebalulekileyo ukukhulisa ezi nkomo zibenomzimba ofanele ukuthengiswa. Kuthiwa zikhula ngokukhawuleza, ziphilile kwaye zikulungele ukuvelisa amathole okanye inyama esemgangathweni ngenxa yokondliwa ngokucwangcisiweyo.
Ukondliwa kweenkomo ngolu hlobo kubangela ukuba kubelula kubafuyi ukuba balawule izifo ezinkomeni zabo ngendlela efanelekileyo.
Iinkomo ezihlala kula maziko zikhuselwa ngokugonywa kukhuselwa izifo nezinye iingxaki ezinokuvelela ezi nkomo.
Kulula ukufumaneka koncedo xa kuthe kwavela iingxaki kuba ooGqirha bezilwanyana babayinxalenye yala maziko kwasekuqaleni kokusungulwa kwala maziko.
Iinkomo ezigcinwa kula maziko zikhuseleka kwiinyamakazi zasendle nakubusela bemfuyo obungxamileyo kweli loMzantsi Afrika.
Ukugcinwa kwemfuyo kwezi ndawo kunceda ukunika iinkampi ithuba lokuba zikhulise ingca ngokwaneleyo ukuze ibeluncedo mhla ngengxaki.
Kwiindawo zasemaphandleni amaziko okondla imfuyo anceda ukudala amathuba emisebenzi logama ekwadlala indima ukukhulisa imeko yoqoqosho lwasekuhlaleni.
La maziko akwanceda amagosa ezolimo aquka ooGqirha bezilwanyana ukuba basebenze lula ukwenza uphando ngqangi lwabo xa kukho imfuneko yoko.
Related Topics: