Amakhoba amaqanda agutyiweyo.
Amafama amaqanda okanye amafama eenkuku kweli lizwe azi inyama namaqanda kuphela izinto ezifumaneka ngokuvelisa iinkukhu.
Kukho iingxelo zokuba liyakhula ishishini lamafama ajika amakhoba amaqanda abe ngumgubo wexabiso eliphezulu ingakumbi eZambia.
IZambia lilizwe lokuqala eAfrika ukuguqula amakhoba amaqanda abe ngumgubo onexabiso eliphezulu.
Kutshanje iEntsimini ibhale inqaku malunga nobuncwane bokutyebisa umhlaba okufumaneka kumakhoba amaqanda.
Kodwa ulwazi malunga nokugutywa kwamakhoba eqanda enziwe umgubo onexabiso eliphezulu yinto entsha engaqhelekanga kwezolimo.
Eli lithuba ekumele ukuba lilandelwe ngamafama asakhulayo ukuze afumane ithuba lokwenza imali ngokuguba amakhoba amaqanda kuze kuvele umgubo othengiswa ngexabiso eliphezulu.
Amakhoba amaqanda xa egutyiwe anika ikhalsiyam, iproteni nezinye izakha mzimba ezidingwa kakhulu ngabantu kwakunye nemfuyo, kuquka nezinto zokuthambisa zabo bathanda ukuba bahle.
Umfama angaqalisa ukwenza oku ngokuqokelela amakhoba amaqanda kwiivenkile nakwezinye iindawo ezivelisa amakhoba amaqanda.
Kufuneka uwomise ukuze uqalise ukuwacola ngokusebenzisa iindlela zakudala zokucola okanye ezala maxesha.
Amaxesha amaninzi umgubo oveliswe ngokucola amakhoba amaqanda uthengiswa kumazwe angaphandle kweli, kodwa abanikazi abanamashishini abhaka izonka banolwazi ngobu buncwane.
Umgubo wamaqanda uncedisa ukwenza ukutya kwemfuyo, iikeyiki ezikwixabiso eliphezulu, iilekese nezinye izimuncumuncu eziphambili kwabo bathanda izinto ezimnandi. Mihla le amakhaya alahla amakhoba amaqanda ngenxa yokungazi ukuba la makhoba aqulethe ubutyebi.
Amafama asakhulayo nabo basakhulayo kwezoshishino bangaphuma ukuya kukhangela ulwazi oluphambili malunga nokuveliswa komgubo wamaqanda.
Related Topics: