Uohn Steenhuisen uzibonele ngokwakhe ukuthunyelwa kwe’apile leli eThailand.
UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli uJohn Steenhuisen ebekwifama iBella Frutta eCeres, eNtshona Koloni nalapho athe wazibonela ngokwakhe ukuthunyelwa komthwalo we’apile leli uthunyelwe eThailand.
Lo ngumthwalo wokuqala emva kokuba ilizwe laseThailand lathi lakunqumamisa ukuthunyelwa kwe’apile leli kwela lizwe ngenxa yokungavumelani ngezinto ezithile ukusukela ekuqaleni kuka2008.
Iinguqu ezenziwe kwimithetho yela lizwe ibangele ukuba iapile leli libuyele kwakho kwilizwe laseThailand emva kweminyaka elishumi elinesithandathu.
“Ngenxa yemveliso ye’apile ngo2023, ngamathuba engqesho akumashumi amathathu anesibini amawaka athi avuleka, konke oku kukwanegalelo ekukhuliseni uqoqosho,” kucacisa uSteenhuisen.
Iapile leli elithunyelwa kumazwe ehlabathi aquka uMbindi Mpuma, Asia kwakunye neThailand kunyanzelekile ukuba lihambelane nemiqathango yezorhwebelwano nala mazwe.
Oku kuza kubangela ukukhula okumandla kwimveliso ye’apile loMzantsi Afrika nanjengoko kulindeleke ukuba lifunwe ngamandla ngamazwe ehlabathi.
Ngamakhulu khulu abantu beli leMpuma Koloni abathi baqeshwe okwethutyana ziifama ze’apile eCeres, ingakumbi ngeli xesha lokuvuna. Aba bathuthwa eMpuma Koloni bahlale isithuba seenyanga ezimbini ukuya kwezintathu bevuna ama’apile kwiifama eziquka iBella Frutta eCeres.
Related Topics: