Umfama wobisi uZolile Soka waseFreyistata.
Ukuthengisa ubisi ngeveni okanye ngenqwelo yeedonki yenye yeenzame ebezisenziwa luluntu lwasezilalini ukungenisa imali, usapho lomfama uZolile Soka lwaqala ngokwenza njalo.
UZolile Soka ngumfama wephondo laseFreyistata osele edumile ngokuthengisa ubisi lwakhe kwiivenkile eziphambili eziquka iWoolworths.
“Ndikhule ndithengisa amasi nobisi kwiveni yasekhaya, kanti konke oko kuza kukhokelela kuthando olupheleleyo lokuba ndibengumvelisi wobisi,” kuqhayisa uSoka.
Imveliso yobisi oluninzi nolusemgangathweni isephantsi kwamafama amhlophe, amafama amnyama asasokola ukwenza imali ngolu hlobo lokufuya.
“Ngoku kukho amawaka eelitha zobisi esiluthengisela iivenkile zakwaWoolworths kwaye ubisi lwakho kufuneka luvavanyiwe ngokusemthethweni lwaza lwaphumelela, ngoko ke mninzi umsebenzi owenziwayo,” kutsho uSoka.
Iivenkile zakwaWoolworths ziyaziwa ngokuba zithengisa ezona mveliso zisemgangathweni nezithenjwa kakhulu luluntu jikelele.
Likhula ngokukhawuleza inani lamafama amnyama angena kwimikhakha eyahlukeneyo yezolimo nokufuya equka ukuvelisa iimveliso zobisi.
“Ukukhuthala nokuthanda umsebenzi wakho zezona zinto ziphambili ezinokukuqhuba ukuba wenze umsebenzi wakho ngenkuthalo,” kutsho uSoka.
Related Topics: