USiphindile Xulu waseNgonyameni eMlazi usebenzise ulwazi lwakhe lezolimo awalincanca eMangosuthu University of Technology ukuqalisa ishishini lakhe lezolimo.
Ngokwemfundo, uXulu ufunde iDiploma yezolimo ngeenjongo zokusebenza njengegosa lezolimo ephuhlisa indawo ahlala kuyo ngolwazi lwezolimo nokufuya.
“Ngenxa yokunqongophala komsebenzi ndiye ndasebenzisa izinto endinazo ukuqalisa ishishini lam lezolimo nokufuya, ndiye ndalinika igama elithi iAgriGlam ishishini elo,” kucacisa uXulu.
Ukuqalisa ishishini lezolimo ezilalini okanye elokishini yimpendulo yokulwa neengxaki zokuswela kwemisebenzi kuninzi lolutsha lelizwe loMzantsi Afrika.
“Ndithengisa imifuno equka iminqatha, ispinatshi, itswele nephepha ezindidi, kwaye ndizimisele ukukhula ngamandla kumsebenzi wam,” kutsho uXulu.
Uthi ngeli linge ukwancwase ukulwa ingxaki yokunqongophala kokutya ekuhlaleni kwilokishi yaseMlazi. UMlazi yenye yeelokishi zeli ezinolwaphulomthetho oluphezulu.
Ukuvula amathuba anje kunganika uXulu ithuba lokuzenzela imali logama akwanceda abanye ukuba bafumane ingqesho.
AmaSebe kaRhulumente ahlala ememelela ulutsha ukuba luthathe inxaxheba kwiinkqubo ezinje ukuze lukwazi ukuzenzela imali ngokulima nokufuya.
“Ndiyafumaneka kumakhasi onxibelelwano aquka uTikTok (@SphindileXulu), kuInstagram ndingu @Phie_Xulu, ukanti kuFacebook ndinguSphindile Xulu, singancokola nabantu abatsha,” uthembise watsho uXulu.
Related Topics: