Iinxakhwe zitya amatakane eKaroo.
Amafama waseKaroo eMpuma Koloni akhala ngokunyuka kwenani leziganeko apho imfuyo yawo ihlaselwa zizilo zasendle eziquka oodyakalashe kwakunye neenxakhwe.
Oku kuqatshelwe ngamandla emva kwemvula ethe yana ngamandla kwiindawo ezomileyo ezifana neKaroo. Iingcali zithi ezi zilwanyana zizala kakhulu xa kukho imvula okanye xa ingca ininzi, oku kwenza ukuba zinyanzeleke ukuba ziphume ziyekufuna ukutya.
Ukukhula kwezi ziganeko kunyanzela amafama ukuba achithe imali esilwa nezi nyamakazi zasendle, kodwa xa zingaphumeleli ezo nzame bayanyanzeleka ukuba bazishiye iifama zabo.
UTheroux Kemp ngumfama ovelisa iigusha zoboya, ukwalilungu leNational Wool Growers Association aze aphinde abenguSihlalo wePredation Management Forum kwingingqi yaseKaroo.
“Umsebenzi wokugada ezi nyamakazi kwimfuyo yethu ngumsebenzi onzima kakhulu, sichitha ixesha elininzi zibe iziphumo zincinci kakhulu, ngoko ke kumele ukuba wonke ubani asebenzele ukulwa le ngxaki,” kucacisa uKemp.
Uthi kwingingqi yaseKaroo baqaphele ukuba endaweni yokuba lihle inani lezilwanyana zasendle lisuke lakhula nangaphezulu.
“Amafama kwingingqi yaseColesberg akhala ngezi hagu zeenxakhwe ukuba ngoku zitya amatakane kwaye zingene nakwiigusha ezinkulu, oko kwanyanzelisa ukuba zibulawe ngamafama,” utsho uKemp.
Umonakalo wokutyiwa kwemfuyo ziinxakhwe uqale ukuqatshelwa phaya ngonyaka ka2021, kwacingwa ukuba ngumkhuba wethutyana.
“Iigusha aziyibaleki, aziyoyiki inxakhwe ngoko ke unkabi usebenzisa elo thuba ukuhlasela iigusha zingaqondanga, umonakalo umkhulu kakhulu owenziwa zezi nxakhwe,” kucacisa uKemp.
UKemp uthi ukusebenzisana kwamafama, amagosa karhulumente noluntu ngokubanzi kubalulekile ukulwa ingxaki yezilwanyana zasendle ezigqiba imfuyo emadlelweni.
Related Topics: