Igwava ijinga emthini.
Ngamaxesha woRhulumente wephandle laseTranskei, iziqhamo eziquka igwava, irharnati, ikwepile zazinyanzeliswa ukutyalwa kumasimi nakwiigadi zamakhaya.
Oku kwashiya umzila nembali yezitiya zeziqhamo ezindidi kumakhaya amaninzi eMpuma Koloni (Transkei).
Kumalinge okulwa nendlela exakileyo kweli, kungabuyelwa kulo maphulo kukhuthazwa uluntu ukuba lizityalele iziqhamo ezifana negwava. Kaloku igwava le inenzuzo eninzi kwimpilo yoluntu nezilwanyana ezifuywe emakhaya.
Nantsi ke indlela yokutyala igwava ngokukuko eMpuma Koloni:
Kufuneka ufumane indawo enobushushu efunyanwa lilanga elaneleyo yonke imihla, ukuze imithi yakho ingalidingi ilanga. Izithole zegwava azidibani namanzi amaninzi, ngoko kufuneka uzityale kwindawo enamanzi akhawuleza asithele xa kunethile okanye kunkcenkceshelwe.
Izithole zegwava ungazenzela okanye uzithenge ukuze zizokukhawuleza ukukhula, kungoko sikhuthaza ukuba uzifumanele izithole kubathengisi bezithole zeziqhamo.
Ukulungisa umhlaba kusoloko kulungile kumsebenzi wakho wokuzama ukutyala igwava egadini yakho mfama. Vula umngxunya omkhulu ngokwaneleyo emhlabeni ukuze iingcambu zakho zingaphazamiseki xa uzifaka. Kufuneka uxube nomgquba wenkomo okanye umgquba wokuthengwa ukuze isithole sakho siqhube kakuhle.
Gqumelela isithole sakho kakuhle uqinisekise ukuba iingcambu zakho zingene ngokwaneleyo emhlabeni. Inyathelo lokuqala emva kokuba utyalile kukuqalisa ukugalela amanzi, amanzi kufuneka uwagalele kabini ngeveki, ingakumbi xa imvula inqabile.
Apha ezingcanjini zesithole sakho, beka ingca ukuze unyuse izinga lobushushu bomhlaba ukuze sikhawuleze ukumila isithole segwava yakho.
Qaphela amagqabi angenampilo uwasuse kwangoko kuba angalikhaya lezinambuzane ezisasaza ukufa kwizityalo zakho. Xuba amanzi nesephu ugalele kumagqabi ezityalo zakho xa sele zikhule ngokwaneleyo.
Ungavuna emva konyaka okanye iminyaka emibini ingakumbi xa sele iziqhamo zakho zibonisa ukuthamba okubonisa ukuba zivuthiwe ngenene.
Related Topics: