Umfama uThokozile Parkies emasimini wakhe eDordrecht. Umfanekiso: Uthunyelwe
Amafama weli loMzantsi Afrika akhala ngezinto ezifanayo alindele ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa athethe ngazo xa esenza intetho yakhe yobume besizwe kwiholo yedolophu yaseKapa.
Umfama olinina eMpuma Koloni, uThokozile Parkies waseDordrecht kuMasipala waseMalahleni kwisithili saseChris Hani, uthi mawanikwe izigunyaziso zomhlaba amafama.
“Njengenina elingumfama, umnqweno wam kukuba uMongameli uCyril Ramaphosa anike amafama izigunyaziso zobunikazi bomhlaba,” kubongoza uParkies.
Lo ngomnye wamafama azibalule ngokulima esenza umsebenzi uninzi olungena kukwazi ukukwenza. “Amafama mawafundiswe ngolwazi lokumelana nemozulu eguqukayo, ezolimo mazenziwe isifundo esinyanzelekileyo kwizikolo zonke eMzantsi Afrka,” utsho uParkies.
Amafama akhala ngamanzi okunkcenkceshela izityalo zawo nathi aphele okanye avalwe kuze kwenzakale izityalo. Umfama uDora Lerato Lekoma waseLichtenburg eMntla Ntshona ukhala ngamanzi neendlela ezithi zihambe kuzo iinqwelo zakhe ukuya emasimini nokuhambisa imithwalo.
“Ndingumfama wemfuyo nokwalima umbona nojongilanga, ingxaki ephambili apha ziindlela ezibangela umonakalo omkhulu kwiinqwelo zethu, sinyanzeleke ukuba sihlawule,’’ kutsho uLekoma.
Ingxaki yeendlela ezimbi isoloko ikhona kwizithembiso ezenziwa nguMongameli minyaka le xa esenza intetho ngobume besizwe.
“Enye ingxaki ngamanzi, ngenxa yokunqongophala kwamanzi kwiindawo ezihlala abantu, kunyanzeleke ukuba sincede uluntu ngamanzi,” kucacisa uLekoma. Uthi oku kubabetha ngeendlela ezininzi nanjengoko bewahlawula amanzi abawasebenzisa kwiifama zabo.
Le ntetho kumele ukuba iqulathe izithembiso ezihamba nezicwangciso zokwenziwa kwezo zinto ziza kuba zithethwa nguRamaphosa. Emva kwale ntetho, kulindeleke ukuba amalungu ePalamente anikwe ithuba lokuphendula le ntetho ngemibuzo.
Related Topics: