Liza kuthunyelwa eThailand kwakho iapile loMzantsi Afrika.
Emva kweminyaka elishumi elinesithandathu imveliso ye’apile leli ivaliwe ukuba ithunyelwe kwilizwe laseThailand, liza kuqalisa kwakho ukuthunyelwa kwela lizwe.
UMphathiswa wezolimo nophuhliso lwamaphandlwe kweli, uJohn Steenhuisen, wenze esi saziso sokuba uvuliwe kwakho umzila wokuthengiswa kwe’apile leli kwilizwe laseThailand.
“IApile sesinye seziqhamo eziveliswa eMzantsi Afrika ezigunye ngencasa, kwaye linamandla okudala amathuba emisebenzi logama likwadlala indima kwimeko yezoqoqosho yelizwe ngokubanzi,” uqhayise watsho uSteenhuisen.
Uthi isiqingatha sama’apile aveliswa kweli athunyelwa kumazwe ehlabathi ukuze ngenxa yoko kungene imali kumafama oMzantsi Afrika. IApile loMzantsi Afrika lagqibela ekuqaleni konyaka ngo2008 ukuthunyelwa kwela lizwe laseThailand, laze layekiswa ngenxa yeemeko zokungavumelani ngemiqathango yorhwebelwano.
“Ngenxa yemveliso ye’apile ngo2023, ngamathuba engqesho akumashumi amathathu anesibini amawaka athi avuleka, konke oku kukwanegalelo ekukhuliseni uqoqosho,” kucacisa uSteenhuisen.
IApile leli elithunyelwa kumazwe ehlabathi – aquka uMbindi Mpuma, Asia kwakunye neThailand – kunyanzelekile ukuba ahambelane nemiqathango yezorhwebelwano nala mazwe.
”Amafama wama’apile kweli afuna ukuthumela imveliso yawo kumazwe ehlabathi aquka iThailand mawadibane namagosa eSebe lezolimo kwiindawo abasebenzela kuzo ukuze bazo kufumana ulwazi,” kutsho uSteenhuisen.
USteenhuisen uthi amafama kufuneka ukuba avelisa iapile ngokuhambelana nemiqathango nomgangatho ofunwa ngabathengi behlabathi ukuze bakwazi ukwenza imali.
Related Topics: