Ikhulile imveliso ye’avokhado kwiminyaka engamashumi asibhozo kweli.
Imithwalo yokuqala ye’avokhado yafika kweli phakathi kuka1652 ukuya kunyaka ka1700 ithwelwe ziinqwelo zabarhwebi beDutch East India Company. Imithi yokuqala ukutyalwa kwinqanaba lasefama yenzeka ngonyaka ka1938 kwifama ethile eNasipoti kwiphondo laseMpumalanga.
Kule mihla amafama avelisa iavokhado kweli maninzi kakhulu kwaye aqeshe iintsapho ezininzi ezenza ingeniso logama wona esenza imali.
UGqirha uGuy Witney unolwazi lokuba kunamhlanje ilizwe loMzantsi Afrika lityale imithi ye’avokhado eqikelwa kwizigidi ezisixhenxe kumhlaba ongamashumi amabini amawaka weehektare.
UGqirha Witney ngumlawuli kwifama iGreat Brak Avos ezinze kumazantsi weKapa eMossel Bay nevelisa iiavokhado ezisemgangathweni.
Amafama aphambili avelisa iavokhado ngempumelelo kweli akwiindawo ezigudle unxweme eziquka amazantsi weKapa ukuya kuma kunxweme lwaseThekwini.
“Ngo1938 isebe lezolimo kwiphondo laseLimpopo latyala umthi wokuqala we’avokhado kweli loMzantsi Afrika, imvelaphi yawo isuka kwiindawo ezifana neMexico naseGuatemala emahlathini apho,” kucacisa uGqirha Witney.
UGqirha Witney uthi zininzi iindidi zee’avokhado kodwa olu hlobo kuthiwa yiHass luhamba phambili kwiimbombo zone zehlabathi.
“Zingaphezu kwekhulu iindidi ezahlukeneyo ze’avokhado, kodwa iHass ihamba phambili kwiindawo ezininzi zehlabathi, ngamashumi alithoba ekhulwini iiHass ezifumaneka kwihlabathi kule mihla,” kutsho uWitney.
Iindizi zee’avokhado eziveliswe kweli loMzantsi Afrka ziquka iLamb Hass, Gem, Maluma, Carmen, Pinkerton, Ryan kwakunye neReed. “Imveliso ye’avokhado kweli iqikelelwa kumyinge weetoni ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka ukuya kwikhulu namashumi amathandathu, kwaye ikhula minyaka le imveliso yethu ye’avokhado,” kutsho uGqirha Witney.
Iingingqi eziphambili ukuvelisa iavokhado kweli ziquka iphondo laseKZN, Mpumalanga, Limpopo, Ntshona Koloni kwakunye neendawo ezithile zeMpuma Koloni, itsho ingxelo.
Related Topics: