IChina ithenge izigidi ezibini zeedonki ePakistan.
EZAPHESHEYA – Iidonki zijongelwa phantsi kakhulu, de nalowo usazifuyileyo abonwe njengomntu ohluphekayo. Konke oku kungenxa yokuba ulwazi luncinci malunga nexabiso elikwesi silwanyana sisebenza nzima.
Ilizwe laseChina kutshanje libonakalise ixabiso leedonki ngokuthenga izigidi ezibini kwilizwe lasePakistan.
Ukusukela ekupheleni konyaka ophelileyo, iChina nePakistan zivumelene ukuba ziza kuqhubeka nokuthumela iidonki ezingamakhulu amabini amawaka rhoqo ngonyaka.
Ilizwe laseChina lidinga ngamandla inyama yeedonki kwakunye neemfele zeedonki ukuze yenze iimveliso ezahlukeneyo.
Esi sivumelwano siza kunceda ilizwe lasePakistan ukuba likwazi ukujongana netyala lemali ekumele ukuba liyibhatale kwilizwe laseChina.
UGqirha Ikram othethe egameni lorhulumente wasePakistan uthi ngenene eli nyathelo liza kudlala indima enkulu elizweni lakhe.
“Kula maxesha anzima kangaka kwezoqoqosho, kufuneka sizame zonke iindlela ukuqinisekisa ukuba ngenene senza amacebo okuqinisa urhwebelwano,” kutsho uIkram.
Uhambisa athi ezi donki azizukuthunyelwa ngaxeshanye kwilizwe lasePakistan, koko ziza kuhamba ngesiqingatha samakhulu amathandathu amawaka rhoqo ngonyaka.
“Maxa wambi ziza kuhamba ziphila okanye zihambe zixheliwe kuthunyelwe inyama kwakunye neemfele kwilizwe laseChina,” kucacisa uIkram.
Kwiinzame zokuphungula umthwalo weendawo zokuxhela, ezi donki kulindeleke ukuba kwakhiwe iindawo ezintsha ezihambelana nala maxesha ekuza kuxhelelwa kuzo ezi donki.
“Kweli lasePakistan sineedonki ezingaphezu kwezigidi ezihlanu ngoku, loo nto isenza ukuba sibelelinye lamazwe ahamba phambili kwihlabathi ngokuvelisa iidonki ngokuba kwindawo yesithathu kwihlabathi,” uhambisa atsho uIkram.
EChina kutyiwa inyama yeedonki, kwenziwa iimpahla ngeemfele zeedonki kuze kusetyenziswe inyama nemfele ukwenza amayeza aphambili.
Related Topics: