Izele ngokungaqhelekanga ihagu yomfama waseLimpopo.
Umyinge oqhelekileyo wamatshontsho wehagu lishumi elinesibhozo ukuya kumashumi amabini xa izele kakhulu, kodwa ihagu yomfama uFhulufhedzani Mulaudzi izele amashumi amabini anesibhozo.
Kwiminyaka emibini egqithileyo, ihagu yomfama othile kwaseLimpopo yayizele amantshontsho angamashumi amabini ananye, oko kothusa uninzi.
“Sidla ngokufumana amantshontsho alishumi elinesibini nangaphezulu, kodwa azange salindela ukuba ihagu ingasinika amantshontsho akufutshane kumashumi amathathu,” evuya utsho uMulaudzi.
Lo mfama ungumnikazi wenkampani yezolimo ebizwa ngokuba yiML Home of Pigs eDuthuni, eLimpopo. “Yimeko engaqhelekanga nenqabileyo le kuthi bafuyi beehagu, ayizange ibonwe ngaphambili,” kucacisa uMulaudzi.
Ukufuya iihagu yenye yeendlela eziphambili zokwenza ingeniso ngexesha elincinci ngemali engephi. Kaloku ihagu ayiphili ngachiza, koko ihlala iziphilele ingaxhomekekanga kumachiza okuyinyanga. Iingcali zempilo yezilwanyana zithi idinga kuphela iayoni ukuze iqhube lula nobomi bayo.
Ihagu izala kathathu ngonyaka xa ithe yakhathalelwa kakuhle, kwaye ithatha ixesha elincinci elingangeenyanga ezintathu ukukhulelwa kwayo.
“Ndiqale ukufuya iihagu ngo2019 eyadini yam encinane, ngoku ndingatsho ukuba ishishini liyakhula ngamandla ukusukela ngelo xesha lokuqala kwam,” uqhayisa atsho uMulaudzi.
Ngaphandle kokutya izinto ezithengiweyo, ihagu iyaphila ngokutya izinto ezikhuliswa yindalo ezifana notyhuthu, isangcethe nezinye izinto ezikhuliswa yindalo zingatyalwanga.
“Likhula ngamandla ishishini lam leehagu, ndithengisa amantshontsho weehagu kwakunye nenyama yehagu ngokunjalo,” ugadlele watsho uMulaudzi.
Nangona eqhuba ngempumelelo, lo mfama ukhangela uncedo kuRhulumente ukuze akhulise ishishini lakhe.
“Nangona ndisebenzisa imali endiyenzayo ukukhulisa eli shishini, kodwa ndiyalidinga, ndiyalicela uncedo kuRhulumente ukuze ndikhule ngamandla kwimveliso yeehagu,” ubongoza utsho uMulaudzi.
Related Topics: