Umfama uRicardo Setshego. Umfanekiso: Facebook
URicardo Setshego ngumfama osemncinci owenza umsebenzi wokulima nokufuya kwindawo yasePalapye eBotswana kwaye uzimisele ukuya phambili nezolimo.
Lo mfama uvelisa iibhokhwe ezinentloko ebomvu nezihamba phambili ngokwenza imali kunezinye iindidi zeebhokhwe kumazantsi eAfrika.
“Ndifuna ukuba sisityebi, isinana esinemali ngenxa yokulima nokufuya,” uchaza iminqweno yakhe uSetshego. USetshego ufuye iibhokhwe kwakunye neenkukhu ezindidi, kwaye uneenjongo zokukhulisa umsebenzi wakhe kwixesha elizayo.
“Ndiqale ngo2015 kwifama eziihektare ezilishumi elinesihlanu, ndiyakuthanda ngenene ukulima nokufuya, ndasungula inkampani egxile ngokukodwa kwintengiso yeebhokhwe ezinentloko ebomvu,” kutsho uSetshego.
Ukhuthaza abo basaqalayo kwezolimo ukuba bangakucingi nakancinci ukushiya okanye ukutyhafiswa ziingxaki ezivelayo kwinkqubo yezolimo.
“Kuye nabani onqwenela ukushiya ngenxa yengxaki ndingathi kuye, inzuzo yokungena kwemali ngezolimo ayikhawulezi kwaye ayizi lula,” ukhuthaze watsho uSetshego.
Uhambisa athi ukubila kwezolimo kuzala amaduna namathokazi xa usenza umsebenzi ngokuzimisela ungatyhafiswa yinto.
“Ukuba ucinga ukushiya, eso sisigqibo esingachanekanga xa zizayo iziphumo zomsebenzi wakho, uza kuba sele ushiyile, ukunyamezela sisixhobo esiphambili kwezolimo,” kutsho uSetshego.
Likhula ngokungxamileyo inani lamafama amancinci amnyama kumazantsi eAfrika amanye kuwo exhobe ngolwazi lwasesikolweni logama amanye encedwa kukuzithandela ezolimo.
“Ngoku sithethayo ndithengisa iinkunzi zebhokhwe ezinentloko ebomvu, ndikwathengisa neenkukhu ezibizwa ngokuba ziiOrpington kwakunye nezo zibizwa ngokuba ziiSussex,” uqhayisa atsho uSetshego.
Related Topics: