Zininzi iigusha kunabantu eNew Zealand.
Ilizwe laseNew Zealand lelinye lamazwe ahamba phambili kwihlabathi ngokufuya iigusha de zibeninzi kunabantu bela lizwe. Ingxelo yonyaka ka2020 ibonisa ukuba ngamashumi amabini anesithandathu ezigidi iigusha ezikwela lizwe, logama abantu bezizigidi ezihlanu kuphela.
Nangona likhula rhoqo inani labantu bela lizwe, kodwa alikwazi kuvala isikhewu esikhoyo phakathi kwenani labantu neleegusha.
Imveliso yeegusha kwela lizwe incediswa kukunaba kwamathafa anengca eyaneleyo ukuba zitye zihluthe iigusha zaseNew Zealand.
Amafama weegusha eNew Zealand angenisa imali ethi incedise ukukhula kwemeko yoqoqosho yela lizwe.
Imveliso yeegusha ingenisa imali ngokuthi kuthengiswe uboya, inyama kwakunye nobisi kwela lizwe nakumazwe angaphandle kweNew Zealand. Ngonyaka ka2020 kuphela, imveliso yenyama yeegusha ingenise imali eqikelelwa kwiibhiliyoni ezintathu.
Amafama weegusha eNew Zealand adala amathuba emisebenzi aze aqashe abantu abaphila nabahlala emaphandleni wela lizwe.
Uqoqosho lasekuhlaleni nalo liyaxhamla kwimveliso yeegusha ngeendlela ezahlukene eziquka ukuthengiswa koboya, ubisi kwakunye nenyama yazo.
Kwingxowa kazwelonke wela lizwe (GDP), intengiso yeegusha idibene nezolimo – ngokubanzi igalela umyinge weepesenti ezintandathu ekhulwini.
Uphando olunzulu nokufunda izinto ezintsha ngeendlela zokufuya iigusha yeyona nto igcina amafama wela lizwe eqhubeka nokukhulisa inani leegusha. Ngonyaka ka1896 ilizwe laseNew Zealand lalineegusha eziliwaka namashumi asibhozo kuphela, ngenxa yeenzame zamafama zikhule kakhulu ukusukela ngoko.
Ifama iWhenuanui iyodwa ineegusha ezingamawaka amahlanu logama iNew Zealand ineefama zeegusha ezilishumi elinesithandathu lamawaka.