• Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
I'solezwe lesiXhosa
I'solezwe lesiXhosa liphephandaba lesiXhosa elipapasha iindaba yonke imihla kumnatha wonxibelelwano. Singooqal'azive abahleli bebaze iindlebe ngeenjongo zokuphakela wena, mfundi wephepha, iindaba ngokukhawuleza nangobunjalo bazo.
Sections on Isolezwe lesiXhosa
  • Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
Our network
  • Athlone News
  • Atlantic Sun
  • Bolander
  • CapeTowner
  • Constantiaberg Bulletin
  • DFA
  • False Bay Echo
  • I'solezwe lesiXhosa
  • Northern News
  • Plainsman
  • Sentinel News
  • Southern Mail
  • Southern Suburbs Tatler
  • TableTalk
  • Vukani
  • DurbanLocal
© 2025 Independent Online and affiliated companies. All rights reserved.
Press CodePrivacy PolicyTerms & ConditionsAdvertise with usContact UsComplaints Procedure
Entsimini

Itolofiya sisondlo kwimfuyo

Siyabulela Mqikela|Published 4 months ago

Inkomo isitya amagqabi wetolofiya.

Uninzi lwamafama asezilalini anayo imithi yetolofiya eziyadini zawo, kodwa abambalwa kubo abanolwazi lokuba itolofiya sisondlo kwimfuyo. Kuthiwa imithi yokuqala yetolofiya yabonwa apha kwiminyaka nje embalwa emva kokugaleleka kukaJan van Riebeeck.

UVan Riebeeck wafika kweli ngo1652 ezokusungula ubuhlobo borhwebelwano namazwe aseMpuma.

Ngonyaka ka1960 itolofiya yaqala ukuqatshela ukuba iyasebenza njengesidlo kwimfuyo, ingakumbi xa kukho imbalela okanye intlekele elizweni.

Iinkomo zezona ziyithanda kakhulu ukuyitya itolofiya xa kukho imbalela, kanti nokuba akukho mbalela, ziyayithanda kakhulu iinkomo.

Kule mihla, uninzi lwamafama eenkomo ayayifaka itolofiya kwindibanisela yesidlo seenkomo xa besenza ukutya kweenkomo.

Ngeminyaka yoo1960, ilizwe loMzantsi Afrika lazibona ligaxeleka kwingxaki yembalela eyabangela ukuba iSebe lezoLimo likhangele amacebo okulwa indlala kwimfuyo. Itolofiya yabonwa njengesinye sezityalo zasendle esinokusetyenziswa ukondla nokuqinisa umzimba weenkomo.

Amaxesha amaninzi, amafama atyala itolofiya yokondla imfuyo atyala uhlobo letolofiya olungena meva. Iindlela zokondla iinkomo ngetolofiya zahlukene, ziquka ukuzinika amagqabi okanye ukuwanqunqa abeziziqwenga ezincinane ukuze zikwazi ukuzitya. Maxa wambi amagqabi ayo ayomiswa ukuze asilwe adityaniswe kwimixube eyenza ukutya kweenkomo.

UGqirha Herman Fouche usebenze kwibhunga lezophando ngezolimo iAgricultural Research Council. UFouche uphande kakhulu ngokusetyenziswa kwetolofiya njengesondlo kwimfuyo.

“Ukusukela kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu egqithileyo, kuye kwabakho ukukhula komdla kwindlela enokusetyenziswa ngayo itolofiya, oku kwenza ukuba kwenziwe uphando olubanzi, silifumene ngelo xesha ke ulwazi lokuba itolofiya iqulethe izakha mzimba kwimfuyo,” kutsho uFouche. Kuphando lwakhe, uFouche ukwafumanise ukuba imithi yetolofiya inezinto ezibangela ukuba ingakhulu ngendlela eyiyo.

“Imithi yayo ayiqhubi kakuhle kwindawo enobumanzi obuchaphazela iingcambu zayo, ithanda umhlaba owomileyo, kodwa ayidibani nokuba amaqondo obushushu ehle afike kwishumi,” kutsho uFouche.

Oku kuthetha ukuba itolofiya iqhuba kakuhle kakhulu kwiindawo ezifana neMpuma Koloni ngokwamaqondo obushushu nokufuma.

“Amagqabi wetolofiya asisondlo kwiinkomo, iiigusha neebhokhwe zakho mfama, kuquka neehagu ngokunjalo, kaloku la magqabi anamanzi anencasa ethandwa kakhulu zizilwanyana zasefama,” kucacisa uFouche.

Uhambisa athi amagqabi wetolofiya akwaqulethe izithako ezinika amandla kwimfuyo ngamaxesha onke, oku kubaluleke kakhulu ngexesha lembalela kwimfuyo.

“Phakathi kwezinye izithako ezifumaneka kwitolofiya – yiprotheni efunwa ngamandla ngumzimba wemfuyo yakho mfama,” kutsho uFouche.