Enye yeenkampani ezididiyela iziselo ezinxilisayo kweli, iSouth African Breweries (SAB), ithembisa ngokuba izakukhulisa umyinge wayo wokuthenga imveliso yebhali, umbona namazimba ukuvelisa utywala.
Le nkampani ineminyaka emininzi ivelisa utywala obuthandwa ngabaninzi njengeebhiya kunye nezinye iziselo.
Ikwaphakathi kweenkampani eziqeshe abantu beli ngamanani aphezulu phantse kumaphondo onke oMzantsi Afrika.
OnguMlawuli wale nkampani, uRichard Rivett-Carnac, uthi baxakekile bekhangela iindawo ezinokulima amazimba nombona owaneleyo ukuze kuveliswe utywala besilungu.
“Amagosa ethu, neengcali zethu kwezolimo zithe bhazalala zikhangela amafama avelisa umbona namazimba eMzantsi Afrika, injongo yoku kukuba sizama ukwandisa umyinge wethu weemveliso zeli ingakumbi amazimba nombona,” kutsho uRivett-Carnac.
Uthi injongo yabo ephambili kukuthenga iimveliso zoMzantsi Afrika ukuze kukhule kukhuthazeke amafama weli.
Ilizwe loMzantsi Afrika likhona kumazwe avelisa amazimba nombona omninzi kwihlabathi. “Sibambisene neSouth African Barley Breeding Institute sikwajonge ukwandisa imveliso yebhali esebenza kakhulu xa sivelisa iindidi zotywala, sijonge ukuvelisa iindidi ezahlukeneyo zebhali,” kutsho uRivett-Carnac.
Uhambisa athi ukuphumelela kweenjongo zabo kudinga intsebenziswano yakhe wonke ubani ochaphazelekayo.
“Sidinga inkxaso kumafama ngokuthi andise ukulima kwawo, kwabo bagcina imveliso, abaphandi nabo bonke abachaphazelekayo,” kutsho uRivett-Carnac. URivett-Carnac uthi bajonge ukuvelisa iitoni eziqikelelwa kumakhulu amathathu anamashumi asixhenxe anesihlanu amawaka ebhali.
”Imveliso yethu ibetheke kakhulu ngenxa yokuba amafama athe athwaxwa kakhulu yimozulu eguqukayo ingakumbi kwimveliso yebhali, ngoko ke sijonge ukunyusa umyinge wemveliso yebhali nezinye,” kutsho uRivett-Carnac.
Ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu amawaka eentsapho ezixhamlayo kwimveliso yebhiya kweli eveliswa kwiimveliso eziquka ibhali, amazimba kunye nombona.