UXolani Khanyile ngumfama ophume izandla waseRichards Bay.
UXolani Khanyile ngumfama osakhulayo oyinkuthazo kumafama amatsha ozinze kwingingqi yaseRichards Bay kwiphondo laseKZN.
Imfundo yakhe engahambelaniyo nezolimo ayimtyhafisanga ukuba aqalise ukulima evelisa iindidi zemifuno.
“Ndisuka kwindawo ekuthiwa yiMadlankala, eRichards Bay, ndiqalise ukulima imifuno ekuqaleni konyaka ka2023 kumhlaba ozihektare ezimbini endiwuboleke emntwini,” kucacisa uKhanyile.
Lo kaKhanyile ngomnye wabantu abatsha kweli abayinkuthazo emandla, ingakumbi kulutsha oluhlala lugcakamele ilanga.
“Ndilima itswele, itshilisi, itumato, isipinatshi, iminqathe nezinye, ndenza oku ngenxa yokuba ndibona ingxaki ekuhlaleni, ngoko ndizama ukuba yinxalenye yecebo,” kutsho uKhanyile.
Uthi ingxaki ephambili ehlasela indawo ahlala kuyo nazama ukulwa nayo, yingxaki yokukhulelwa kolutsha, ulwaphulo-mthetho, iziyobisi, indlala, nezinye iingxaki zolutsha.
“Ukulima nokufuya lelinye lamacebo akhoyo okulwa iingxaki esinazo ekuhlaleni, abantu abatsha badinga amathuba okuzixakekisa,” kuthetha uKhanyile.
URhulumente weli wenza iinzame ezahlukeneyo ukuzama ukukhuthaza abantu, ingakumbi abatsha ukuba babuyele kwezolimo.
“Ngaphandle kokulima ndikhuthaza abantu abatsha elalini yaseMadlankala ukuba balime kwiigadi zamakhaya abo ukuze kuliwe indlala, ziinzame zethu sisonke,” ukhuthaza atsho uKhanyile.
Uthi ulutsha malohlukane nokulinda into engekhoyo abangayaziyo, koko ukhuthaza ukuba baqalise ukulima nokufuya.
“Masifunde ukuqala ngezinto esinazo singachithi ixesha silinde into esingayaziyo, makulinywe kufuywe ngamafama, ingakumbi amatsha,” utsho uKhanyile.